NguChris Totobela

Amaqela amagqiyazana ale ngingqi yeSarah Baartman aqhubisene kwitumente ebibanjelwe eAddo.

Alwe kwamdaka iisali lamaqela ezama ukudlulela kwisigaba esilandelayo saletumente. Iqela lalapha eMakhanda iAfrican Connection eligcwelise ngabadlali abaselula noninzi lwabo lungaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo lizame kangangoko ukuqinisekisa ukuba lidlulela kwisigaba esilandelayo.

Umoya obubhudla ngamandla kweliya lase-Addo wenze kungabilula ukudlala nalapho bekunzima ukubeka phantsi ibhola. Amathunzi aye akhawuleza ukunaba kwanzima kubadlali ukuba babone ibhola ntoleyo ekhokelele ukuba imiswe imidlalo eyandulela owamanqamu.

Amakonokono ebeza kuqhubisana nePubs yasePaterson logama komnye umdlalo iCity Lads yaseQhorha ibizokuvana amandla neziko lemfundo ephakamileyo iRhodes.

Umququzeleli wale tumente uLuyanda Stwayi uthi uxolile yindlela eqhube ngayo le tumente nangona ebekhona amagingxigingxi pha na pha. Lo kaStwayi uphinde wacacisa ukuba lamaqela mane aye avumelana ukohlulelana ngamabhaso aletumente nanjengoko esuka kwiindawo ezahlukeneyo neziqeleleneyo.

Uninzi lwabaqeqeshi bala magqiyazana bathethe ngazwinye bencoma betyibela imigudu eyenziwe ngabaququzeleli baletumente.

Lo bingu mcimbi omhle kakhulu notsale umdla wabathandi bebhola ekhatywayo e-Addo nabaphume ngobuninzi badela ingqele nomoya obubhudla ngolona hlobo. Le tumente bisetyenziselwa ukuvuselela ibhola ekhatywayo yamagqiyazana kule ngingqi yeSarah Baartman.

Comments are closed.