NguMalikhanye Mankayi

Umbhiyozo omkhulu ububanjelwe e-Amazwi Museum ngomhla wa-29 EyeThupha. Ibilusuku lokuphehlelelwa kwencwadi yokuqala yesiXhosa ebhalwe nguMphumzi Rumsell ‘Ramie’ Xonxa. Ncwadi leyo inesihloko, Masichub’ Isikhwebu, igxile ngembali yamaqhawe akwaXhosa.

Ibingu mhla wethamsanqa kubemi nolutsha lwaseMakhanda kuphehlelelwa incwadi equlathe imixholo kwakunye neziganeko ezingqonge indawo yaseMakhanda. Amgqabantshintshi encwadi achaza ukuba umntu angafumana, “imbali ngamaqhawe awathi athabatha inxaxheba kwimbali yeli lizwe, amaqhawe awathi aqatshelwa igalelo lawo kunye nalawo kungazange kwathethwa ngawo.” 

URamie Xonxa utyikitya incwadi yomfundi. Ifoto: Sibabalwe Tame

Umntu omaziyo uXonxa kunye nohambo lwakhe ebenganokucinga ukuba angangumbhali wencwandi yaseMakhanda, echaza ngentsusa nentsingiselo yamagama eendawo ezithile zeli. Kungokuba sele exilonge kumasebe ohlukweneyo amaninzi. Nangona kunjalo, uthe nwagqiba kwelokuba abhale ayikhuphe incwadi yakhe.

Kule ncwandi uXonxa uthatha ingqondo zabafundi, azibuyisele embo apho acacisa ngembali yesixeko saseMakhanda. Kwincwadi yakhe, uXonxa ungxininisa kwizinganeko ezithe zehla kwidolophu yaseMakhanda kwakunye nembali ngamaQhawe athe azinjula injacu alwa urhulumente wengcinezelo.

Xa ufunda le nwadi, uzodibana nesihloko esithi Ukuza kukaNxele esichaza nzulu malunga nesinganeko esenzekayo kuMakhanda nesithi sidlule sikhankanye ukubuyiswa komoya kaMakhanda eRobben Island nokuba yeyiphi indima edlalwe nguMakhanda neyenze ukuba idolophu yaseGrahamstown iguqulwe ithiywe ngegama lakhe.

UXonxa nomxhasi wakhe ongunkosikazi wakhe, uThabisa Xonxa. Ifoto: Sibabalwe Tame

Le ncwandi ikwathetha ngedabi elenzeka kwindawo ekuthiwa kuseGazini ekhumbula igazi elaphalalayo lamaXhosa ngethuba besilwa amaNgesi. Xa umbhali ethetha ngeGazini, uzama ubonisa ukuba abantu abamnyama babe qala ukundibana nerhuluwa, ngexeni yokubhubha kwabo ngequbiliso nangobuninzi umbali uthi yaba “nguwaca waca” ukusweleka kwabantu abantsundu.

Le ncwandi  iquluqwe yanemixholo eyahlukeneyo yembali, kukho nesihloko malunga nebali elaziwoyo lika Nongqawuse. Ikwanxulumanise kwakunye nolwaluko emveni kombhali ephawule ukuba sehla isidima sobudoda.

URamie Xonxa wamkela isipho asifumana kumlandeli wakhe. Ifoto: Sibabalwe Tame

Abantu bebekho kulo msitho wokusugulwa kwale ncwandi babulele ngokungazenzisiyo besithi initsi idyebo yembali abazothi bayizuze kulencwandi kananjalo behlaba ikhwelo kumbhali wencwandi besithi kuya nyazeleka  ukuba aphinde acwetheze incwandi yesibini.

Comments are closed.