NguChris Totobela

Bekuxhelw’ exhukwane kubathandi naba landeli bebhola apha eMakhanda. Imidlalo yesigaba sokuqala seMakana LFA idlaliwe kumabala amabini ase-Extension 7. NgoMgqibelo iRising Stars ibhungce ngamanqaku amathathu kwamabini ngethuba iqhubisene neCameroon. IHellenic ilwe kwamdaka iisali ngethuba ibetha iJuventus ngenqaku elinye eqandeni kumdlalo obunzima ngeyona ndlela.

Lo mdlalo ubugcwele amathuba kuwo omabini lamaqela kodwa ubuthundu beefolosi zabo kubangele ukuba abaqeqeshi balamaqela bacaphuke. IVukani Anchors ibhaxabule iJacaranda Academy ngamanqaku amabini eqandeni. Kwimidlalo yangeCawe, iHellenic iphindile yafaka amanqaku amathathu engxoweni yayo ngethuba itywatyusha iVukani Anchors ngamanqaku amathathu eqandeni, yaze yona iSeven Stars yadlala ntanganye ngamanqaku amathathu macala neCameroon. Amataliyane abuye kakubi ngeCawe abhaxabhula iLeicester City ngamanqaku asibhozo kwelinye. Lo mdlalo uzakuwanceda Amataliyane ukuba asondele ngakumbi kumaqela aphezulu alwela le ndebe.

Imidlalo yama khwenkwana aselula nayo iqhubile kwaye nabadlali bayithakazelele into yokubuyela ebaleni.

Comments are closed.