NguChris Totobela

2-0 defeat aGetty Imges/Justin SetterfieldIqela lebhola ekhatywayo yamagqiyazana lalapha eMzantsi Afrika iBanyana Banyana liwe nganeno kwimizamo yalo yokudlulela kwisigaba esilandelayo sendebe yehlabathi ebanjelwe kweliya lase-Australia naseNew Zealand.

Iqela lalapha ekhaya lizame konke okusemandleni alo kodwa ke lakhala ngaphantsi kwiqela laseNetherlands ebelibonakala liluqilima ngeyona ndlela.

Iimpazamo ezenziwa ludonga lwangasemva zilifaka engxakini eliqela ntoleyo ebangela eli qela liphulukane nemidlalo ebalulekileyo. Unozinti weli qela uye waphinda wenza enye impazamo ebangele ukuba abalandeli beli qela baphinde bakhale esimantshiyane emva kokuba bebevakalise ukungaxoli kumakhasi onxulumelwano nakuzo zonke iinkqubo zemidlalo kulo lonke eli bememelela ukurhoxiswa kuka nozinti kwiqela eliqala umdlalo.

Nangona kunjalo nje, umqeqeshi weli qela uDesiree Ellis umthethele lo kaSwartz esithi ngoyena nozinti osemgangathweni anaye okwa ngoku. IBanyana Banyana ibethwe liqela laseNetherlands ngamanqaku amabini eqandeni bedlale ngamathuba amaninzi.

Bonke abathandi bebhola balapha ekhaya bayazingca ngemizamo eyenziwe leli qela nenkqubela ebonakalayo ngokuphandle. Nangona libethiwe nje eli qela kodwa ke akulahlwa mbeleko ngakufelwa kwaye kufanele livuthulule eli qela liphinde libheke phambili.

Comments are closed.