NguChris Totobela

Iqela lebhola ekhatywayo yamagqiyazana loMzantsi Afrika lenze imbali ngethuba lizibekela indawo kumaqela alishumi eline sithandathu azokukhiqana kwindebe yehlabathi ebanjelwe kwilizwe laseNew Zealand nase Australia.

IBanyana Banyana liqela lokuqala ngqa eMzantsi Afrika kumdlalo webhola ekhatywayo ukudlulela kwisigaba sokukhiqana kwindebe yehlabathi. Olu dumo luza emva kokuba eli qela livule kakubi libethwa yiSweden ngamanqaku amabini kwelinye kumdlalo obunzima kakhulu. Kumdlalo wesibini eli qela lilahle umdlalo emva kokukhokela ngamanqaku amabini kwi-Argentina laze lenza iimpazamo ezivumele ukuna i-Argentina ibuyele emdlalweni, kumdlalo ophele entanganye ngamanqaku amabini macala la maqela.

Kumdlalo wokugqibela iBanyana Banyana yothuse wonke umntu ngethuba itywatyusha i-Italy ngamanqaku amathathu kwamabini kumdlalo obunzima kakhulu. Kumdlalo olandelayo eli qela lizokunyuka umnqantsa nanjengoko lizokuvana amandla neNerthelands engena lusini. Abalandeli beli qela benze isankxwe oko iqalile le midlalo yendebe yehlabathi yamanina bememelela ukuba unozinti atshintshwe emva kokuba ethe gqolo esenza iimpazamo ezibangela ukuba eliqela litsale nzima.

Onke amathemba abemi beli lizwekazi iAfrika azobe esemagxeni eliqela kwakunye neeSuper Falcons zaseNigeria. UThembi Kgatlana okhokela eli qela laseMzantsi Afrika, emva kokuba uRefiloe Jane efumene ukonzakala kuzofuneka abhinqele phezulu neqela lakhe bazame ukufaka amanqaku kwaye baqiniseke ukuba udonga lwabo lwanga semva luliqilima kakhulu.

Comments are closed.