NguMalikhanye Mnkayi

Amaqhawe omzabalazo, aqinisekisa ukuba siyayifumana inkululeko. Nangona kunjalo, isizukulwana sabo siyayithandabuza ingcamango yenkululeko.

Umdlalo weqonga, Emsini, ugxile ekutshintsheni kwengqondo phakathi kwamaqhawe, exesha likaMandela, kunye nolutsha lwesizukulwana esilandelayo, abo bakhule phakathi kobundlobongela belizwe kodwa bashiyeka bedakumbile emva kokuba umzabalazo uphumelele. Amaphupha obomi obungcono ahlala engazalisekanga.

UMoagi Modise, ongumbhali walo mdlalo weqonga, uchane uchwethe ukunxulumanisa umxholo kunye nesihloko sawo. Mandiphume egusheni ndichaze intsingiselo yesihloko salo mdlalo, Emsini. Umbhali uveza umxholo omalunga nexesha lengcinezelo, ngoko esi sihloko sisuka apho, ngelixa kulahlwa iteargas kwaye nomsi owawubakho xa kubulalwa iimpimpi.

Iqonga belenziwe layindlwana enengumbi elinye, nto leyo ikhokhele ekubeni ababukeli balomdlalo weqonga bazotyelwe umfanekiso-ngqondweni, ukuze babone imeko yokuhlala kunye nezindlu ezazinikwa isizwe esintsundu ngexesha lengcinezelo.

Lo mdlalo weqonga uqulathe imixholo emininzini kodwa yonke lemixholo inquka ukulungisa izimilo nenzo zolutsha loMzantsi Afrika kwelixa esikulo. Abalinganiswa abane balomdlalo banabise intlalo embi efumaneka kwizisele zentolongo, kodwa ekuziseni lomfenekiso-ngqondweni, intsingiselo kukuzama ukukhalimela ulutsha kwaye nokuvelisa phandle ifuthe le ntolongo emntwini.

Lo mndlalo ubuxhasiwe kakhulu kwaye nabo abukeleli  balomndlalo baphume benga ntinga-ntingi oko bewubona umyalezo odluliswa ngulo mdlalo, bisisanxwe kuthontelana ukuya emnyango uyokuphuma benemngcinili kukungcamla ulwazi abalufumeneyo.abali fumeneyo.

Emva kokubukela umdlalo, ndingathi ukuba ubungcisa nenkcubeko buyanyanga kwaye bune galelo ekwakheni isizwe esingcono esinesidima nentlonipho ndingcamele lobhekile. 

Comments are closed.