NguChris Totobela

Amagqiyazana aseze ngobuso elizweni eqela lebhola yomnyazi iLeicester City, adibene neembila zithutha. Kule mpelaveki ephelileyo iLeicester City ijongise imibombo eQhorha nalapho beliyokuvana amandla neqela elaziwayo loompondo zinlanjiwe iSt Marks.

Kuqale kwadlala amantombazana aselula angaphantsi kweminyaka engamashumi elinesihlanu nalapho iLeicester City ibhulelwe ugqirha nezicaka ngamanqaku alishumi elinesixhenxe kwasixhenxe. Kulo wooNongqovu umdlalo iSt Marks izityele itheko kwiqela lalapha ekhaya yaphumelela ngamanqaku angamashumi amabini anesibhozo kwamane.

Umphathi weliqela lalapha ekhaya uLizo Mdaka, uthi akanalo nexhala zezi ziphumo nanjengoko olu khenketho belujoliswe ekuqokeleleni amava ukuzama ukuncedisa ekukhuleni komdlalo wabadlali beliqela. Uphinde woleka wathi kuse kutsha kakhulu kubadlali bakhe kwaye iyakuba kukubadlela nje indlala ukulindela ukuba baphumelele yonke imidlalo nanjengoko uninzi lwabo luqala ukuzibandakanya nalo mdlalo we bhola yomnyazi. Uthembisile ngokuqokelela onke amava abawamfimfithe pha bawasebenzise kwimidlalo yabo elandelayo.

Comments are closed.