NguChris Totobela

Bekugoso okwaphukayo kwimidlalo yeMakana LFA ebithe bhazalala kumabala amabini. Kwamabala laseFiddlers Green neFoleys Ground, oompondo zihlanjiwe, bebeqhubisene kwimidlalo ebithande ukuba nzima ngeyona ndlela.

Ngomgqibelo ILalibela Lions ixhentse izombelela ngethuba itywatyusha iLove and Peace ngamanqaku asixhenxe kwamabini. INewseekers yona yabhungca kwi-African Spears ngamanqaku amahlanu kwamane logama bona oomehlo madala iAttackers ibethe iGolden Brothers ngamanqaku amane kwamabini.

Ngomgqibelo njalo, iqela elalisakuba lelinye lamaqela amakhulu alapha eMakhanda iJuventus ivule kakuhle emva kweminyaka emininzi lanyamalala. AmaTaliyane abethe iJacaranda Academy ngamanqaku amabini kwelinye, yaze yona iRhodes yabhaxabula iCameroon ngamathathu eqandeni logama yona iSeven stars itywatyushe iLeister City ngamane eqandeni.

NgeCawa iMaru Academy ibambene ngeqanda neJoza Callies yaze i6Sai yazixhwithela kwiGolden Brothers ngamathathu kwelinye. IMakana Tigers kunye ne-Attackers zibambene ngamanqaku amabini macala. Imidlalo yesigaba sokuqala seMakana LFA ivulwe ngokuse sikweni kule mpelaveki iphelileyo kwibala iFoleys Ground.

Kwakhona ngeCawa, iMakhanda Academy ibethe iRising Stars ngenqaku elinye eqandeni yaze yona iOne Love yadlala ngokulingana neVukani Anchors ngenqaku elinye macala.

Buntu Mtshungwa weLove and Peace ezama ishibobo kumdlali we Lalibela lions. Umfanekiso: Chris Totobela

Comments are closed.