Wednesday, December 4

NguChris Totobela

Ibala lebhola ekhatywayo iFiddlers Green belizele lime ngeembambo kwaye nemozulu ibizole nasebukhweni bezinja. Abalandeli baphume ngobuninzi bezokungqina kumdlalo wobutshataheli wendebe yeMakana LFA Champ of Champs phakathi kweMaru FC neJacaranda Aces.

Lo mdlalo ubumhle ngolona hlobo, utakisa iintlantsi. Umdlalo uphele ebambene, iqela ngalinye lifumene inqaku elinye. Uye wagqityezelwa kwiipenaliti lomdlalo nalapho iMaru FC iye yaphumelela ngamanqaku amane kwamathathu ntoleyo ebangele ukuba iMaru FC iwongwe njenge ntshatsheli zolukhuphiswano.

Unobhala jikelele we Makana LFA uAkhona Heshu, uvuyisene ne Maru FC kwaye uthe kulo uzayo unyaka bazokuphucula izinto ezininzi kolu khuphiswano, kwaye baphinde bongeze nenani lamaqela athatha inxaxheba.

Kweminye imidlalo ye Makana LFA edlalwe kule mpelaveki esisuka kuyo iNewseekers ibethe iYoung Stars ngamanqaku amathathu kwamabini logama yona iGolden Eagles ibhaxabule iAfrican Spears ngamanqaku amathandathu kwelinye yaze yona iLalibela Lions yabambana ngamanqaku amabini macala neYoung Eagles.

NgeCawe iJoza Callies itywatyushe iGolden Brothers ngamanqaku amahlanu eqandeni logama yona iSophia Stars ezimiseleyo mpela kulo nyaka kwaye ejonge lendebe yeMakana LFA premier league ngamehlo abomvu ibhuqe i6Sai army ngamanqaku amahlanu kwelinye.

IMaru FC ezintshatsheli ezintsha ze Makana LFA Champ of champs. Umfanekiso: Uthunyelwe

Comments are closed.