NguChris Totobela

Kwimpelaveki eyandulela ipasika iqela labasetyhini, ekuphela kwalo apha eMakhanda, lijongise imibombo eQhorha. Amakonokono asingise eQhorha nalapho beyokuvana amandla neentshatsheli zetumente yolutsha, iCity Lads.

Omabini lamaqela afumene ubunzima ekuqaleni kwalo mdlalo nanjengoko ingqantsini yelanga ibibangela ukuba kubenzima ukubaleka ngendlela lamaqela omabini aqhele ukubaleka ngayo. Kuye kwanyanzeleka ukuba uSompempe abe nekhefu lokusela amanzi kuzo zozibini iziqingatha zomdlalo. IConnection yophise kuqala ngenqaku likaSisonke Fihlani kumzuzu wamashumi amabini ananye.

Iqela lamagqiyazana iAfrican Connection. Umfanekiso: Chris Totobela.

ICity Lads iye yothuka yaze yabuya yacinezela ngamandla izama inqaku lokulinganisa kodwa iimpazamo bebezenza kwidonga labo lokugqibela zibangele ukuba uOwam Dyonashe ongeze elinye inqaku. ILads iye yadilikelwa ngumgodi ngethuba ebuya uSisonke Fihlani efaka inqaku lesithathu lamaKonokono nelakhe lesibini ntoleyo ebangele ukuba kuyiwe ekhefini, iConnection ikhokela ngamanqaku amathathu eqandeni.

Kwisiqingatha sesibini lamaqela aye ayekelela umxakatho edlala ngamathuba phambi kweepali, lonto ikhokelele ukuba kungabikho nqaku kwesi isiqingatha waze waphela umdlalo iphumelela iConnection ngamanqaku amathathu eqandeni.

Kwimidlalo yeMakana LFA bidlalwa kwakule mpelaveki inye, ngoMgqibelo iYoung Eagles ibhaxabule iAfrican Spears ngamanqaku alishumi eqandeni, yaze yona iMakana Tigers yatywatyusha iEagles ngamanqaku asixhenxe kwelinye logama iLalibela Lions ingombe iBlack Stars ethande ukuba yingqongqo mvanje ngamanqaku asixhenxe eqandeni.

NgeCawe iMaru Academy ibambene ne Golden Brothers ngamanqaku amane macala, logama kwidabi elidala lase Joza iAttackers ibethe iJoza Callies ngamanqaku amane eqandeni. Kwimidlalo yobuntshatsheli equka namaqela adlala kwindebe yakwa SAB, iMaru ixhentse izombelela kwiYoung Stars ngamanqaku asibhozo kwamabini logama iJacaranda Aces ibhungce ngamanqaku amahlanu kwa mane kwiipenaliti emva kokuba uphele umdlalo wazo zibambene ngenqaku elinye macala.

Comments are closed.