NguChris Totobela

Ibi ngumbo nomxesibe abantu bethontelene bejongise imibombo kwibala le midlalo laseQhorha nalapho bekuqhubisana amaqela olutsha kwimidlalo eyahlukeneyo. Lo mcimbi oququzelwe ngu Luyanda Sitwayi ebambisene nesebe elijongene nokhuseleko nocwangco ekuhlaleni kulengingqi yeSarah Baartman.

Kumdlalo wokubanga indebe kwibhola ekhatywayo yama khwenkwana angaphantsi kwemi nyaka elineshumi elinesihlanu iValencia Academy yase-Addo ibethe iFriendly City ephuma eQhorha ngamanqaku amathathu kwamabini kwiipenaliti emva kokuba liphele ixesha ebambene ngenqaku elinye macala.

Eli qela lase-Addo ligoduke nendebe ekhatshwa liwaka elinamakhulu amahlanu logama yona iFriendly City igoduke namakhulu asixhenxe anamashumi amahlanu erandi.

Kumdlalo wokubanga indebe yamaqela ebhola yama gqiyazana iCity Lads, yase Qhorha ibethe abakhaya bayo iPubs ngenqaku elinye eqandeni.

Komnye umdlalo obunzima kakhulu webhola yomnyazi iFriendly City imke nendebe emva kokutywatyusha iSt Marks ngamanqaku angamashumi amathathu anesine kulawo angamashumi amabini ane sibhozo kwidabi labakhaya. UStwayi akayeki kuthetha ngendlela obe yimpumelelo ngayo lo mcimbi.

“Eyona njongo yalo mcimbi ibikukuvula amehlo ulutsha nokukhwebula ulutsha kwimikhuba emibi yokusetyenziswa kweziyobisi nefuthe elibi ekuhlaleni elibangelwa zizo. Lo mcimbi ube yimpumelelo engathethekiyo kwaye nabahlali baseQhorha baphume ngobuninzi ukuzoxhasa ulutsha,” watsho uStwayi.

Wenze umbulelo ongazenzisiyo kubo bonke abaxhasi abenze lo mcimbi wayimpumelelo nakuwo onke amaqela athathe inxaxheba kulemidlalo.

Comments are closed.