NguGeoff Embling, Uceba we-DA kwiwadi 4

UMasipala waseMakana unesininzi se-ANC kwibhunga, kwaye ibhunga lijongana nokutyunjwa kwabaphathi abaphambili bakamasipala abafana nomphathi kamasipala, igosa eliyintloko lezemali, kunye nabalawuli bamasebe. Ulawulo lukamasipala, nalo lumisela abalawuli, abaphathi nabasebenzi bakamasipala, ngoko ke abatyunjwe ngokungathanga ngqo ngumbutho olawulayo. Ukuba umphathi kamasipala uvumela urhwaphilizo, inkcitho-mali, kwaye akaqeqeshi abasebenzi, uninzi kwibhunga lungavotela ukuba lumnqumamise. Ngonyaka ka-2022 iDA yabeka phambili isindululo sokunqumamisa umphathi kamasipala wangaphambili, kodwa babethwa yivoti kwibhunga.

Ulawulo lunoxanduva lokulawula iimali kunye nokugcina iziseko kuzo zonke iiwadi ngaphakathi kumasipala, ukulungisa ukuvuza kwamanzi acocekileyo kunye namanzi amdaka, iindlela, izibane zesitalato, ukususa inkunkuma njl. Ooceba abaphikisayo koomasipala abaqhutywa yi-ANC baxela imiba yeziseko zophuhliso ezaphukileyo kunye nokunikezelwa kweenkonzo inyanga nenyanga, nakunyaka emva komnye, ngamanye amaxesha kungekho ziphumo. Umzekelo, kuWadi 4 (iwadi yeDA eMakana), umlambo wamanzi acocekileyo oqukuqela ukusuka kumbhobho omkhulu eDrury Lane ukuya kumabala e-Albany Sports obangela ukuba intsimi esezantsi ibe ngumgxobhozo okhwankqisayo. Kwaxelwa izihlandlo ezingenakubalwa kodwa kwaqhubeka imihla ngemihla iminyaka emine, kukhupha amanzi kwindawo yokugcina amanzi kamasipala kunye nokunciphisa unikezelo kubahlali. Ekugqibeleni yalungiswa ekupheleni kuka-2022. Ngokufanayo, kuye kwanikelwa ingxelo yokuvuza kwamanzi amdaka, izibane ezitratweni, iindlela ezinemingxuma nemithi ephazamisa iintambo zombane kangangeminyaka, yaye akuzange kubekho ziphumo.

Abasebenzi bakamasipala bayazi ukuba ngubani ophetheyo onalo negunya, kwaye abanye babo abaphenduli nakumabhunga aphikisayo. Umzekelo, uMphathi wamanzi namanzi amdaka eMakana wavala uceba wakwa Wadi 4 kuWhatApp ngoFebruwari 2022 kwaye akayiphenduli iminxeba yakhe. Oku kwaxelwa kuMlawuli, uSomlomo kunye noMphathi kaMasipala, zange kubekho siphumo, kwaye uceba usavaliwe emva konyaka.

Kukho ithemba, noko. UMasipala wase-Umngeni eKZN Midlands yinqaba ye-ANC ethe yawela ezandleni zeDA kunyulo loomasipala lokugqibela ngenxa yokunikezelwa kweenkonzo okothusayo nokucaphukisa abahlali. UMasipala wase-Umngeni uneewadi ezili-13 kummandla waseHilton/Howick, kwaye unokuthelekiswa noMasipala waseMakana, kunye namabhunga angama-25 ukuya kuma-24 kaMakana, kunye nobukhulu obufanayo babantu kunye neenkcukacha zabantu. UMasipala wase-Umngeni ngu-75% wabamnyama, i-20% yabamhlophe, i-4% eyabantu bebala kunye ne-1% yabase-Asia.

USodolophu weDA kuMasipala wase-Umngeni, eChris Pappas, ujike “inqanawa” kwisithuba nje esingaphezu konyaka, kwaye ukuza kuthi ga ngoku ibhunga lililungisile lonke ityala lalo no-Eskom namanye amaqumrhu. Kwezi nyanga zilithoba zidlulileyo ulungise i-R30 yezigidi yemali-mboleko engagqitywanga, isongela abahlawuli beenkonzo i-R450 000 kwiintlawulo zenzala kuphela. Kutshanje ichithe izigidi eziyi-R11 kwi-TLB yangaphambili esisigadla sokulayisha, umatshini wokugangatha (compactor) kunye nelori yenkunkuma, kunye nezigidi eziyi-R7 kumatshini wokugangatha (compactor) yendawo yokulahla inkunkuma nokususwa kwenkunkuma. Ibekele bucala isigidi esi-R1 sokulungisa izibane zezitalato, i-R300 000 yezixhobo zokucheba ingca kunye nezigidi ezi-R4 zokulungisa imingxuma ezindleleni. Ngokuhamba kwexesha, nangohlahlo lwabiwo-mali olufanelekileyo, uMasipala wase Umngeni unethemba lokufikelela kumgangatho weSixeko saseKapa apho imingxuma ilungiswa kwiiyure ezingama-48 emva kokubikwa kwayo.

UMasipala wase-Umngeni ulonyusile inani labantu abaxhasayo abasweleyo, ukususela kubantu abangamahlempu ukuya kumakhaya asemngciphekweni, ukusuka kwi-133 ukuya ngaphaya kwama 3050 ngonyaka nje omnye. Uye wonyuswa umbane wasimahla ukusuka kwiiyunithi ezingama-50 ukuya kwiiyunithi ezili-150, kwaye abantu abasokolayo bazifumana simahla iingxowa ezimnyama ukwenzela ukuba bahlale kwindawo ecocekileyo. Abemi abaneminyaka engaphaya kwama-60 ngoku banelungelo lokufumana isaphulelo seentlawulo, kunye nabo bamkela ama-R13 500 okanye ngaphantsi banelungelo lesaphulelo esiphezulu. UMasipala unesaphulelo seCovid esenzelwe iziphumo zokuvalwa kwelizwe, kwaye sele ebonelele iingingqi ezihlwempuzekileyo ngezibane ze-solar. UMasipala we-DA sele eqinisekisile ukuba wenze into echasene nobuciko be-ANC obumalunga “nokubuyiswa kocalucalulo.

Ukuba i-DA ibinesininzi kuMasipala waseMakana oko bekunokuqinisekisa ukuba umasipala uqeshe abalawuli, iimanejala, kunye nabasebenzi abanobuchule yaye iyabaqeqesha okanye iyabagxotha abasebenzi abonqenayo nabangenabo ubuchule/abangawazi umsebenzi. Iza kusebenzisa ubuchule bayo beNdlu yowiso-Mthetho nePalamente yePhondo ukunceda ukwenza uhlahlo lwabiwo-mali nesicwangciso sezimali, kwaye imali iza kuchithwa kunikezelo lweenkonzo. UMasipala waseMakana okwangoku unooceba abachasayo abali-13 ukuya kooceba be-ANC abali-14, kodwa ukwimeko embi kuba imibutho echaseneyo yahlukene, kwaye ke indlu eyahlukeneyo iyawa.

Ward 4 councillor, Geoff Embling. Photo supplied

Comments are closed.