NguChris Totobela

Bebebila besoma abadlali bamaqela adlala ngaphantsi kweMakana LFA kule mpelaveki sisuka kuyo.

Kumdlalo ophakathi kweCity Pirates neSophia Stars bekubangwa indebe yobuntshatsheli yeMakana LFA top 8. Abalandeli bebhola ekhatywayo bagoduke bencoma iSophia Stars ebizimisele ngayo kulo mdlalo. Unobhala jikelele we Makana LFA uAkhona Heshu, uvuyisene neqela le Sophia Stars.

Ngomgqibelo iLalibela Lions ibuyise isidima sayo ngethuba ibetha iNew Seekers eqale unyaka ivutha bhe ngamanqaku amathathu kwamabini, logama yona iAttackers itywatyushe kabuhlungu iGolden Brothers ngamanqaku amathandathu kwamabini.

NgeCawe iMakana Tigers evale phezulu nechule ukunyathela mvanje ibhaxabule iMaru Academy ngamanqaku amane kwelinye. Kumdlalo wokugqibela wobutshataheli weMakana LFA top 8 kwisigaba esingezantsi iYoung Stars ibethe iGolden Eagles ngamanqaku amathathu kwelinye kwiipenaliti emva kokuba liphele ixesha ebambene ngamanqaku amabini macala.

Komnye umdlalo obujongwe ngamehlo abomvu ngabathandi bebhola baseMakhanda, iSophia Stars, yothuse umzi ngethuba ibetha iCity Pirates edlala kwisigaba esingentla kunayo ngamanqaku amabini kwelinye kumdlalo obunzima kakhulu.

Comments are closed.