NguSIYAMTHANDA PONGCO noMBASA MAKHUBALO

Iqela laseMpuma Koloni, iKhnysa naboKhanyo, likhekhenta eli-loMzantsi Afrika, liphethe umsebenzi eliwuthunyiweyo.

uKhanyisa kwi-The Black Power Station. Umfanekiso: Siyamthanda Pongco

uSisonke Papu ngelokuzalwa, uKhanyisa ngelezihlwele. Lenzalelwane yabaThembu iphuma kwisixeko saseMthatha phesheya kweNciba. UKhanyisa uthi uwuqale umsebenzi wokubaligqirha ngomhla wokuzalwa kwakhe. Kodwa ngenxa yokumfanyekiswa zizinto zeli hlabathi zange aluqondisise ubizo lwakhe.

Kwade kwafika ixesha lokuba asabele ubizo lwabaphantsi. Kunyaka wamawaka amabini aneshumi elinesibini uthi uye wazama ukuzithoba nokuvula intliziyo yakhe, eboniswa eyona ndlela kumele ayihlabel’ umgama.

UKhanyisa uthe zange ifike msinyane longqiqo kwade kwaba ngunyaka ka-2017 apho ithe yavuka ingulo ngamandla. Kunyaka ka-2018 uye wazithoba, wabamamela abaphantsi nangona wayengaluva ncam ubizo lwakhe. Uthi yonke lento yenzeke eqhuba ngezifundo zakhe kwiDyunivesithi yaseRhodes, esenza isidanga semasters kwi-Creative Writing.

Kwangaxeshanye uqale lomsebenzi weengoma esandula kuba ngumbhali ngokwesakhono owayecinga ukuba unaso. UKhanyisa uthi indlela le ibingelula, maxa wambi uthi uye wanako ukuphambana ephambanela izinto zehlabathi nezesimanje-manje kuba enemvakalelo yokuba uzakuphoswa ziz’yolisi zehlabathi. Kodwa kunyaka ka-2021 uye waligqirha ngokupheleleyo, sithetha nje namhlanje uyaqhubeka nomsebenzi wengoma ayithunyiweyo.

Kuthetha ukuthini ukubuya kweLanga?

Xeshikweni, bekusaziwa ukuba yonke into inentsingiselo kwaXhosa. Ngoku ndithetha noKhanyisa, ndikhumbula ixhego elindizalayo, uGubangca, wayedla ngokundixelela ukuba inyanga yesiLimela kukuqala konyaka kumnt’ ontsundu. Kwaye utata wam wayibethethela into yokuba inyanga yesiLimela yinyanga ekhethekileyo kwimvelaphi yethu, thina maXhosa. Inyanga yesiLimela kwakulapho ubani nobani wayevuthulula ezonyak’ odlulileyo ajonge phambili. Omnye umzekelo ophilayo nguTshazimpuzi owaziwa njengeyanga yethanga elibunayo.

UKhanyisa kunye neqela aboKhanyo, baphethe umyalezo okanye isingqi sonqulo esisuka kwizinyanya. uKhanyisa uthe, “lo ngumyalezo ophuma kwizinyanya, ayingowethu, siwuphathele ilizwe laseMzantsi Africa.”

Olu Khekhento luqale ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga yoMsintsi, luqale eGoli ‘kwanondonga ziyaduma, kwanyama ayipheli kuphela amazinyo endoda’. Luzakusulungwa eGqeberha ngomhla wesibini kweyeDwarha. UKhanyisa uthi bamamela ukuba kwenzekantoni kwelixesha siphila kulo, bemamele indalo ngokupheleleyo.

IziXhobo zomculo wesiNtu zenziwe liqela leKhanyisa noKhanyo. Umfanekiso: Siyamthanda Pongco

Ukubuya kweLanga

UKhanyisa uyichuba ngalendlela intsingiselo yolukhekhento; xa kuthwasa ihlobo, ilanga liye libuye okanye ukuze libe liyathwasa ihlobo, ilanga kufuneka libuye kulombindi sikuwo ukuze izityalo ziqaqambe. Indalo ilahlekelwe bubuhle bayo kuba sisuka ebusika.

Eliqela leKhanyisa naboKhanyo livua iingoma eziza impiliso kwaye kusetyenziswa izixhobo zomculo zesintu. uKhanyisa uthi ezizixhobo zibaluleke ngokuba zibanxulumisana nokhokho babo, kwaye ookhokho nabo babezidlala ezi zixhobo.

Ukusukela kumhla apho babeqala olukhekhetho, iqela leKhanyisa naboKhanyo bathe bazikhumbuze ukuba lomsitho ayingowabo kodwa bathunyiwe nto leyo ebangela ukuba eliqela liwuphathe ngesidima nesithozela lomsitho.

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene Kh Amandla Akhona kunye no Wandile Hlamvana. Umfanekiso: Siyamthanda Pongco.

Umculo wesiNtu uyaphilisa

Kwinkcubeko yemveli yamaXhosa, imibongo nomculo luhlobo lwemisebenzi yoluntu eyonwatyelwayo kumzi kaPhalo. Umculo nezibongo zidlala indima ekhethekileyo ekuhlaleni kuluntu lwase-Afrika ngokubanzi, zibonelela ngohlaselo lwemiba yezentlalo, noqoqosho nezopolitiko.

Umculo, ukubonga yinxalenye yokuzonwabisa. Ukunxulumana nezinyanya okanye okhokho sebalandulela eli siphila kulo yinto yethu Mzi KaPhalo, kaTshiwo. Kwantlandlolo, ookhokho bethu bebeyihlaba ingoma kuvokotheke.

Ukongezelela iingoma zomthonyama zilichiza kwabo bangxungupheleyo emoyeni. Umculo wesiXhosa uyavakala kwaye uyanxibelelana, nto leyo equka ukuvakaliswa kwamagama nezandi ngesingqi. Kukwabandakanya intshukumo yomzimba esetyenziswa xa kuqhatywa izandla, kudaniswa okanye kudlawa isixhobo somculo.

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene Sandla Somphefumlo no Xhanti Nokwali. Umfanekiso: Siyamthanda Pongco

Siwagcina njani amasiko nezithethe ngalamaxesha siphila kuwo?

Athi amaXhosa ‘inyathi ibuzwa kwabaphambili’.

UKhanyisa uthi ukuze sigcine amasiko nezithethe zakwaNtu kufuneka sizikhumbule ukuba singobani, sivelaphi, siphilela ntoni kwaye ithini indlela yethu. Umntu ngamnye kumele azibuze lombuzo. Yinyaniso ukuba amasiko nezithethe sele egxobhekile kwisigaba sokuba omnye angade alahle ithemba ukuba umntu omnyama uyoze abuyel’ embo. Kodwa sekunjalo UKhanyisa uthi ukuze sizazi ukuba singoobani kumele sinxulumane nomphefumlo nomoya wethu. Sikhumbule ukuba kuyintoni na ukuphefumla, lonto izakusinceda sikwazi ukuphefumla ukuze sibone indlela leyo ekumele sihlabe mgama kuyo.

Iqela eli lithi siwulibele ukuba umoya yinto ekhoyo kuba siphila enyameni nasengqondweni. Umoya siwulibele ukuba elawulwa yingqondo nomzimba.

UKhanyisa uthi sisenokuqala ngokuzibuza ukuba yintoni esaqhubeka isenziwa kwikhaya lakho. Uthe umntu makazibuze ukuba yenzelwa ntoni, ngalo ndlela sizoqala ngezo zikhoyo ukuze siqonde imvelaphi yamasiko nezithethe zakwaNtu. Masiqale ngezo zikhoyo, zibuze ukuba ungubani, uzalwa ngubani, ziphi izipho zekhaya. Emva koko uzibuze ukuba lengingqi uhlala kuyo nafika njani, kutheni le-ngingqi ibizwa ngokuba ngamaXesibe. Ukuba senjenjalo sobe silithabathile inyathelo lokuqala ngokulanda umnombo okanye imvelaphi yethu nto leyo ezosinxulumanisa namasiko nezithethe.

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene, Asanda no Efese. Umfanekiso: Siyamthanda Pongco

Ababukeli bebechulumancile, iyimincile kudaniswa kwiThe Black Power Station. Bambi bengawuvali umlomo besithi ingathi baziva befikile ekhaya. The Black Power Station idume ngendawo eyamkelekileyo kubahlali bonke baseMakhanda kungayi ngabala, ngabudala okanye ubuncinane bukabani. uXolani Madinda ebengenamazwi, enoncumo kwaye wababamba ngazozibini iKhanyo naboKhanyo.

Iqela leKhanyo naboKhanyo lishoya umyalezo othi: “sinqwenela nabanye bakhuthazeka bafumane lempiliso bayidingayo, ayizufana kumntu wonke impiliso ngoba indlela zabantu azifani ngoko sisitsho uba ubani nobani ingase afumane le mpiliso idingwa ngumphefumlo wakhe”.

Comments are closed.