NguCHRIS TOTOBELA

Ibi ngumbo nomxesibe kwezi veki ziphelileyo abantu bethontelene bejongise imibombo kwibala lemidlalo i-JD Dlepu apho bekuqhubisene izikolo zalapha eMakhanda kukhuphiswano olubizwa ngokuba yiKC Motsepe Cup.

IKutliso Daniels iye yawongwa njenge ntshatsheli zalapha eMakhanda emva koku gqwesa kule tumente.

Emva kokuphumelela kwitumente, bekulindeleke ukuba iKutliso Daniels iyokumela iMakhanda kwaye ivane amandla nezinye iintshatsheli eziphuma kwezinye iidolophu kwisithili seSarah Baartman kodwa iqela lase Kutliso liphele likhala esimantshiyane.

Umqeqeshi weKutliso Daniels uMandilakhe Klaas uchaze ukuba bekungeko lunxibelelwano luvela kubaququzeleli belemidlalo yaseMakhanda, icandelo lemidlalo kwiDuyinivesithi yaseRhodes phantsi kobunkokheli bukaSiya Dumiso.

Ukungabikho konxulumelwano olululo kubangele ukuba iKutliso ingakwazi ukuya kule midlalo yesithili seSarah Baartman. UKlaas uphoxakele ngulombandelo.

Uthe, “Umphefumlo wam udandathekile yindlela umququzeleli walemidlalo awusingathe ngayo lomba. Umhla asinike wona wokudlalwa kwale midlalo yengingqi yi-27 kweyoMsintsi kodwa ndiye ndalunywa indlebe ngomnye umhlobo wam endazisa ukuba imidlalo iyaqhuba ngoMgqibelo, umhla we-27 kweyeThupha. Ndizamile ukukrweca uDumiso ngalo mba kwaye emva kwethuba elide uye waphendula engqina ukuba ngokwenene imidlalo iyaqhuba. Ixesha besingenalo lokuqokelela abadlali bethu nanjengoko lo myalezo ufika sele ibethile intsimbi yesithandathu ngorhatya langoLwesihlanu. Eli lihlazo elingenakuze licime ezingqondweni zabadlali bethu.”

UDumiso uye wangqina ukuba ngokwenene kubekho ukuqhawuka konxulumelwano ntoleyo ebangele ukuba iKutliso ingakwazi ukuya kumela iMakhanda eThornhill.

IKutliso Daniels ikwa yinxalenye yemidlalo yemibutho yeqela lezikolo ekwa ququzelelwa yiDyunivesithi yaseRhodes, elele kwindawo yokugqibela kumanqwanqwa olukhuphiswano emva kokubethwa kuyo yomibini imidlalo sele idlaliwe. Le midlalo idlalwa rhoqo ngoLwesithathu na ngoLwesihlanu.

USiyabonga Dumiso uthi kubalulekile ukuba abantwana badlale ezikolweni bangajongi iincwadi kuphela. Uthi abantwana bazibandakanya kwimikhuba emibi ngenxa yokungabi nanto yakwenza ngexesha labo.

Comments are closed.