By DUMISA MPUPHA

(This poem encourages communities to vaccinate for it is the available working option for now.) Siyabahlonipha abo bangafuni kuhlatywa naliti. Masixhasaneni singanyembani mawaba akowethu

Ndibiz’izithixo zase Kemet
OoAmen, ooTehuti noo Ma’at
Zona saziyo ukuba zosivul’amehlo
Kule ntsunguzi siphila phantsi kwayo
Zisiqinise zisomeleze nokuba zizigodo
Kodwa zenziwe sithi kuphela
Camagu!

Sisihayhayi nesinyeliso kwabaziyo
Kodwa kukuphila nokufa kwabanye
Simbuna sinjalo siyakhangela ukuphila
Okupheleleyo okugqibeleleyo
Uxhuzulo olusizele nembubhiso sanele
Camagu!

Masimthatheni uFayiza oza kabini
Singamlibali uYohane no Yohane
Izikhulu ezise mthethweni ngabula rhulumente
Kuba balusebenzele uninzi neenginginya
Iminqonqo ibisel’ijong’ezantsi
Camagu!

Siyabahlonipha abo bangabafuniyo aba bafo
Gxebe ngaba ngamabhinqa na la kuthiywe ngawo
Soz’uve, uFayiza kumele abe yindoda
Isetshatshalazeni ke imbali kaYohane
Yindoda leyo ihamba ihleli ise buhlanti nase caweni
Camagu!

Mabandla kaNtu kuthandaziwe
Mabandla ka-Afrika kucamagushiwe
Kwanga akuveli chiza lokuchila lo bhubhane
Kunamhla sihlatywa ezingalweni kubuy’impilo
Asazi ingomso lisiphethele ntoni na
Camagu!

Thatha umjovo Mzantsi Afrika kungawe!

Comments are closed.