The imbongi is pointing to Corona promising it that he will meet it one day and Corona will run away. People will eventually overcome this pandemic, he says.

Mfazwe yezulu lezandla ayisenzang’anto

Mfazwe yobunyoka nokusinyemba ayihambelanga ndawo

Nditsho nale yokusigxobha uxolo lungabikho

De kwangeniswa neziyobisi zisidungadunge

Kuba asina mizi iziphekayo

Kodwa kuzele zizo lokishini zonke

Hehaaaake!yangena ikhorona-na-n!

 

Kwakuba lapho le ikhona ndiyibonis’amabel’enyoka

Ndiyivezel’amanqe am ndingena lusini

Ndiyidlakaze ndiyiyuce

De iphelelwe ngumoya ndiyikrwitshe

Indibonge idomboze icele uxolo

Ndihlale phezu kwentloko ndiyitsale ngendlebe

 

Khorona ndiza kubonis’amabel’enyoka

KwaXhos’asinayo le ntetho

Kodw’amabel’enyoka sikuvule amehlo

Ukuba amantshontsh;enyoka afunxa phina

Akhuliswa yintoni na atyebe abe tukutuku

Kodwa unina namabele sibe singababoni

 

Sindulukile ukuya kuhlangula isizwe

Ethupheni lakho siphumela ebunzimeni

Uza ngeendlela ezimnyama njengomthakathi

Uza ngomsinga kanti ubuze unguKhorona qha

Ngoku uliwa ngeentlobo ngeentlobo

Buyel’aph’ubuvela man asikudini

 

Inene ndokubonis’amabel’enyoka 

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.