This is the song for 2021. It connects with what happened in 2020, but ends up on the positive note of level one, honouring health workers and respecting our country’s president. Abasishiyayo sohlala sibakhumbula ngenene.

Ntyiloooooo! Ndiya ntyiloza!

Njenge ntaka yasendle ephila ngomabona ndenzile

Kuba ezase makhaya zoyisakele

Ntshontsho  lomdlambila liyatswina

Neebhokhwe ziyazibuza

Akusekho nemibeko kusinina

Kuba iidonki zitya iinkcenkce

Kuuuuubi kudlakadlaka kudlumbudlumbu!

 

Emaxhantini bekunga sayiwa

Amagqirha neemboni bebhekabheka

Kuba iminyaka ise kude ukuba bafumane inkamnkam

Kodwa bexhomekeke kiimvula tasi neminikelo

Kalok’amanynge afun’usondelelwano nca bhostiki

Nomoya kathixo ufun’ufuthelwano sigudlane

Kungenjalo mhlol’awufumaneki ncakasana

Koko nguvobe kancinciza nomcof’otefayo

Kuqale ke umbhodamo angaphakathi

 

Sikuvile nawe mongameli woMzantsi Afrika

Ukuthetha kwakho sakuvava ngaphakathi

Kaloku thina sibek’iindlebe koko ukutshiloyo 

Ze thina zimbongi sibonge ukuze sidle

Sicengacenge amakhosi namaphakathi kuphil’umzi

Agcolod’amadoda kuvuye nosebeleni

Akusibuza kusasa asisazi kwanto

Siyavuma ngazwi nye uyinkokheli

 

Wen’ongazi iikoyi azivalwanga

Amaxesha asame ngokwala ndlela ebeyiyo

Abezempilo basebenzile noko nje bengazanga namali

Amakhwenkw’amakhulu namantokaz’azinikeleyo

Bebengabuthi nkwe ubuthongo

Ntwezi fanelwe yimisindleko nezithsaba

Kuzilekese ukuba khona kwenu

Ngaphandle kwenu ngesafel’endleleni

 

Makwande kube luxolo kwiingxonde zenu zonke.

 

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.