NguCHRIS TOTOBELA
Umbutho olawula ibhola ekhatywayo apha eMakhanda iMakana LFA. ikhuphe isaziso nalapho ibisazisa bonke ababandakanyekayo ebholeni ngenkqubo ezakulandelwa ukubheka phambili. Esi saziso sikhutshwa emva kwenkcazelo neenkcukhaca ezikhutshwe sisigqeba esikhokeleyo kulengingqi yeSarah Baartman.
Kulo unyaka, alikho iqela elizokunyuselwa ukusuka kwiLFA ukuya kukhuphiswano lweSAB.  Inaba ithi le ngxelo, lonke ukhuphiswano okanye imidlalo yeLFA iphelisiwe nanjengoko kuyakuqalwa ekuqaleni kunyaka ozayo. ILFA nganye inikwe ithuba lokubonisana nawo onke amalungu ayo ngendlela ekuyakwenziwa ngayo xa kuphinda kubuyelwa ebaleni malunga nomrhumo oye ukhutshwe ngalamaqela xa ebhalisa.
Inyoba yokubhaliswa kwabadlali iyakuvulwa ukusukela ngomhla wesine kuJanuary kude kube sekupheleni kwakhe kulonyaka uzayo. Kwenziwe umbulelo ongazenzisiyo kubo bonke abadlali, abalandeli kwakunye nabaphathi bamaqela ngokunyamezela ngexesha elinzima kwaye babongozwa abantu ukuba baqhubeke  bezikhusela nanjengoko le ntsholongwane ingena lusini iphinde yabuya ngamandla.

Comments are closed.