Under the current circumstances we are celebrating Africa Day in a unique way, where we are still under lockdown regulations. Still Africa is worth celebrated. Mawethu le Afrika ingumabizw’asabele. Le Afrika ingu nxa zonke mbombo zone zomhlaba.

Uyimaz’ebhonxileUyimaz’ebhonxileo
Uyindlezane nakwabo bakubukulayo
Ungumncedi ngemin’ezinzima
Ubomi abuphelelanga ngaphandle kwakho
Imfund’ayiphelelanga ngaphandle kolwazi lwakho
Zonk’izizwe zibonela kuwe
Kufundisw’iintsana ngawe
Kodwa wena ubumbedlengerha
Kuba bonk’uburhalarhume bolathwa kuwe
Noko nje ingazange ibe nguwe
Igolid’isilivere ne oli ikuwe
Ntonje ilungiswa kumazw’ongawaziyo
Gxeb’ongawacelanga
Koko bakuhathile bekuxhokonkxa
Bezama konke abakho baxhokonxane.

Lusuku lokubhiyozela wena Afrika!
Wen’othwel’izizwe zehlabathi
Obantu bambala ufana nomhlaba
Ntw’ezibumnyama bukhanyayo
Apho kuphumla amawethu akowethu
Izizw’ezikude zikulindile ziyakulangazelela
Jerusalemandini yelizw’elaziwayo
Ezo zitalato zibutyebi nguwe

Sivul’amehlo thina bakho bomgquba
Sikukhankany’ukubaluleka kwakho
Wen’oxway’umhlaba wonke
Ngenduli neentaba zakho ezinomtsalane
Nezidenge mazize zithethe
Izithulu neemfama zitsho kulunge
Sithi camagu mhlekazi Afrika ngolu suku
Enkosi ngokwenzelela lula zonk’izizwe zehlabathi
Umsindleko nesithsaba zikufanele!.

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.