NguCHRIS TOTOBELA
Bekukhala ibhungane kwibala laseJD Dlepu kule mpelaveki esisuka kuyo nanjengoko imidlalo yalapha ekhaya iye yanqunyanyiswa. Umbutho olawula ibhola ekhatywayo kuMzantsi Afrika uphela, uye wakhupha isibhengezo sokunqunyanyiswa kwemidlalo kweziveki zimbalwa zidlulileyo.
Oku  kwenzeka kanye xa ukhuphiswano lwendebe yeAbsa kwiPSL lufikelela kuvutho ndaba. Iintshatsheli ezikhuselayo iMamelodi Sundowns iye yawucutha umsantsa ovulwe liqela elikhokelayo iKaizer Chiefs ngamanqaku amane kuphela. Izimvo zabalandeli nabathandi bebhola balapha eMakhanda ziyabethabethana ngomakwenziwe yiPSL ngalengxuba kaxaka ebangelwa yile ntsholongwane yeCovid-19.
Abalandeli bamaKhosi banqwenela ukuba le ntshinga yePSL inikezelwe kubo nanjengoko bephale phambili ithuba elide kwaye kukhangeleka ngathi kunganzima ukuba igqityezelwe le midlalo imbalwa ishiyekileyo. Bona ke abalandeli bezikaMagebhula nabo beBrazilians banqwenela ukuba kuzanywe indlela kugqityezelwe le midlalo nanjengoko bekusiya kukhangeleka ukuba Amakhosi aya ephelelwa ngamandla mvanje ngethuba kanye kusiyiwa entanjeni.
Umpoposho owenziwe kwintsukwana nje ezimbalwa ezidlulileyo ngusihlalo wePSL uGqirha Irvin Khoza uye wazama ukubonisa umkhomba-ndlela ngokuzakwenzeka. Lo kaKhoza uthe imidlalo inqunyanyisiwe kude kuphele inyanga kaApril kodwa uphinde wongeza wathi bazinike inyoba yokuba kubekanti igqityiwe yonke le midlalo eseleyo ngethuba kuphela inyanga kaJune.
Uye wayibethelela yacaca into yokuba akukho qela lizakuqinisekiswa njengeentshatsheli logama ingagqitywanga imidlalo. Into eyosuka yenzeke kukuchazwa kolukhuphiswano njengento engakhange yabakho kwasekuqaleni nto leyo ezobangela ukuba kuqalwe ekuqaleni ngokhuphiswano olutsha xa kuqala unyaka omtsha webhola ngoAugust.
Ezi ingazindaba ezibuhlungu kakhulu kubalandeli bamaKhosi nanjengoko iqela labo lidlale ngokuzimisela okukhulu kulonyaka. Kanti ke naseNgilane kukhuphiswano lwebhola yamaNgesi iziphatha mandla zivumelene ukuba kulindwe kude kuvele ithuba lokugqibezela imidlalo yabo. Nangona iqela elikhokelayo iLiverpool livule umsantsa omkhulu kakhulu kodwa ke balikhuphe latsola elokuba abasayi kuyinikezela le ndebe kubo kude kugqitywe le midlalo.

Comments are closed.