Ngomhla wama-23 ku-Matshi 2020, uMongameli wabhengeza ukuvala yonke into ukusukela
ngomhla wama-26 ku-Matshi ukuya kowe-16 ku-Apreli ngo-2020. Njengokhokelo kumasipala
waseMakana sithathe ezi zigqibo zilandelayo:

  • Abantu kufuneka bahlale emakhaya ngaphandle kokuba bayokwenza imisebenzi ebalulekileyo okanye bathenga iimpahla ezifanelekileyo, iimpahla ezisindisa ubomi okanye baya kufumana izibonelelo zendodla.
  • Abantu kufuneka baziphephe iindawo zikawonkewonke kwaye yonke imisebenzi yoluntu kufuneka iyekisiwe
  • Ukuya kubaleka okanye ukuhambisa izinja akuvunyelwa ngexesha lokutshixa
  • Yonke imisebenzi yezemidlalo, yobugcisa, yenkolo kunye nenkcubeko kufuneka ibanjwe (Oku kubandakanya ulwaluko kunye nezinye izithethe zesintu.
  • Zonke iindawo ezithengisa utywala kufuneka zivaliwe
  • Abantu abangaphezulu kwe-50 abavumelekanga ukuba bahlanganisane kwindawo enye ixesha elingaphezu kweyure (Oku kuyasebenza nasemingcwabeni)
  • Akukho ziindwendwe zivunyelweyo kumabanjwa eeNkonzo zoLuleko (Ngaphandle kwamagqwetha kunye noNontlalontle)
  • Ngumtyeleli omnye kuphela oza kuvunyelwa ngeyure nganye kwisibhedlele sase- Settlers
  • Isibhedlele sase-Settlers sikulungele kakuhle ukujongana ne-Coronavirus
  • Abanikezeli bokhathalelo abavela kwiiklinikhi eziyi-19 kunye namaziko okunyamekela ayi-5 aqeqeshiwe ngokufanelekileyo ukujongana nalobhubhane
  • Oogqirha bezomkhosi bazakukhaph amajoni ngeli thuba
  • Iiteksi zivunyelwe ukuba zisebenze phakathi ko-5.00am ukuya ku-9.00am naphakathi ko-4.00pm no-8.00pm
  • Iiteksi kufuneka zithwale kuphela isiqingatha senani labakhweli kuhambo ngalunye.
  • Onke amashishini kunye neevenkile kufuneka avale ngaphandle kwezo zibonelela ngeenkonzo ezifanelekileyo kunye neempahla ezibalulekileyo.
  • Le miqathango ibandakanya iikhemesti, iilabhoratri, iibhanki, iinkonzo ezibalulekileyo zemali kunye nentlawulo, iivenkile ezinkulu, izikhululo zepetrol kunye nabanikezeli bezempilo.
  • I-SAPS inikwe amandla okunyanzela ngokungqongqo la manyathelo ngaphandle koloyiko okanye ukukhetha
  • I-SAPS iya kuxhaswa yi-SANDF ekwenzeni lo msebenzi
  • La manyathelo angqongqo enzelwe ukusindisa ubomi bethu kwesi sifo sehlabathi, esibizwa ngokuba yiCorona Virus.
  • Ndihlaba ikhwelo kubo bonke abahlali ukuba basebenzisane nabameli bezomthetho

Ndiyabulela ngekxaso yenu!

Executive Mayor
Cllr Mzukisi Mpahlwa

This article is published by Grocott’s Mail as part of a Covid-19 information-sharing  collaboration with the Rhodes University DSI/NRF South African Research Chair in Biotechnology Innovation and Engagement and several Rhodes University departments who make up the RU COVID-19 Science Engagement team: www.ru.ac.za/covidscicomm as well as government departments and the Makhanda Circle of Unity.

Comments are closed.