Khanyiso Mzileni SAPS (EC) rugby player keeping fit during lockdown. Photo: Sue Maclennan

NguCHRIS TOTOBELA
Eli lixesha elinzima kubadlali balapha eMakhanda nanjengoko bechitha ixesha elinizi behleli emakhaya. Oku kwenzeka emveni kokuba urhulumente eye wayalela abantu ukuba bazivalele emakhaya kwiinzame zokuqhubisana nokusasazeka kwe ntsholongwane ye Covid19.

Zininzi izinto umntu anokuzenza ngelithuba esahleli ekhaya ukuzama ukugcina umzimba usempilweni. Amagqiyazana eAfrican Connection nawo asabele kweli khwelo lika rhulumente kwaye alandela yonke le miqathango ebekiweyo, akwasebenzisa elithuba ukuzilolonga ngeentshukumo zemithambo ezilula kakhulu ezenzelwe wonke ubani ukuquka nabo sele bekhulile abangadlaliyo.

Nazi ezinye izinto ezilula nje onokuzenzela ekhaya.
1. Ukujikeleza ukhawuleza apha phakathi kuwe eyadini ungakhange ube kanti uphumele ngaphandle. (Imizuzu nje emihlanu ubuncinane)
2. Ukutsiba ugqaphu imizuzu emibini ukuya kwemithathu ungakhange uphumle.
3. Ngxabalaza uvule imilenze,goba uchukumise iinzwane ubambelele apho kuzo imizuzwana emibini usolula imisipha le engasemva emathangeni nase ziqulubeni.
4. Thatha isitulo nje esiqhelekileyo qala ubeke umlenze kule ndawo yokuhlala uwolule kwaye uqiniseke ukuba awugobi umlenze. Yenza yomibini imilenze.

Phinda usijike isitulo size ngomva ubeke umlenze phezulu kule ndawo yokoyama,phinda uwolule uqiniseke ukuba awugobi. Yenza yomibini imilenze wakho.

Masiyibambe apho okwaleveki sizokuphinda sibuye neminye imithambo elula yasekhaya kwiveki elandelayo.

Yithi chu umane usenza oku kungentla kwaye uzakuwuva uphinde uwubone umehluko. Chu nje kancinci nto zakuthi ningangxami.

Nosifundo Mfabana of African Connection football team demonstrates a stretching technique.

Comments are closed.