Steven Lang

Umongameli uCyril Ramaphosa ubeke imithetho ekufuneke abemi meli bayithobele, ngezizathu ezilungileyo.Lemithetho yenzelwe ukuba inqande ukunwenwa kwe ntsholongwane yeCorona, iCOVID -19,ukuze kunciphe ukusweleka kwabantu kwelizwe.

Owona mthetho unzima kodwa obalulekileyo ngulo wokugcina umgama ongane 1.8 yemitha .Lomgama ulingana nobude bomtshayelo xa uwolulile ngengalo eluliweyo,ukuba uyakwazi ugcina lomgama unako unciphisa amathuba okusuleleka.
Ukugcina umgama kukhusela wena ungosuleleki yintsholongwane futhi ungosuleli nabanye kwi meko apho ungazi ukuba sowusulelekile yiyo.

Akukho lula ukuba qelele ebantwini ngokuba seyisisiqhelo ukusondelelana xa sifolile,xa sidlulana endleleni na xa sihleli ezimontweni okanye kwi zithuthi zika wonke-wonke.

Umongameli wenze esisibhengezo ukuze kusinde ubomi bethu.Amapolisa namajoni agadile ezitalatweni ukuze bancedisane nathi.Bakhumbuza abantu ukuba bahlale ezindlini futhi bagcine umgama.

Kululutho ukumamela amapolisa nabanye abanikezwe igunya lokugcina uncwangco kuba banceda thina.Benza konke okusemandleni abo ukusigcine sikhuselekile yaye kungakuhle ukuba singasebenzisana nabo.
Imithetho emitsha isibongoza ukuba sihlale ezindlini kangangoko sinako.Zonke iindawo zeziyolo zivaliwe nokhuphiswano yezemidlalo imisiwe.Siyacela nithandaze ezindlini nangona kunzima xa kwehle isehlo sokusweleka kwesizalwane. Imiqathango esuka kumongameli ithi uvumelekile ukuba nabantu abangamashumi amahlanu ukwehla ukuze ukwazi ukungcwaba isizalwane/isihlobo .
Nasemingcwabeni, xa sinqwenela ukwanga abo bazilileyo, kufuneka sizame ukuphepha oko noba sikuqhelile.Masincede singabangi abantu- gcina ingcebiso yokumela mgama ongu-1.8 yeemitha kwabanye – ngenjongo yokukhusela wena kunye nosapho lwako.

Ezinye zevenkile ezinkulu ezithengisa ukutya okuninzi eMakhanda sezithathe amanyathelo okuzama ukunciphisa amathuba okusondelelana. Iivenkile zivumela inani elimiselweyo labantu ngexesha. Xa ufolile – gcina umgama ukusuka kumntu omileyo phambi kwakho nomntu omileyo emva kwakho. Hlonipha imithetho yevenkile – lemithetho izama ukukhusela wena kunye nabasebenzi. Bancede ukuze bakuncede.Khumbula, ukugcina umgama wakho akukho krwada – luphawu lwentlonipho olunokusindisa ubomi.

Sue Maclennan

Local journalism

Comments are closed.