NguCHRIS TOTOBELA
Bekushiyana oomama ukondla kulempela veki esisuka kuyo kwimidlalo yeMakana LFA koompondo zihlanjiwe. Imozulu ebizole kamnandi ibangele ukuba baphume ngobuninzi babo abalandeli bebhola bezokuxhasa amaqela abo ohlukeneyo.

NgoMgqibelo iNewtown City idlale ntanganye ngenqaku elinye macala neNew Seekers, logama yona iAttackers ethe ngcu phezulu kumanqwanqwa olukhuphiswano itsalele iCameroon engakhange ingene ebaleni.

NgeCawa iJoza Callies ethande ukutyhila kwelinye iphepha mvanje ibhungce ngezika Sibi ngethuba ibetha iRhodes edlala kakuhle, kodwa eye ithande ukubaxa indlela abanikana ngayo ibhola nabayigcina ngayo, ngamanqaku amane kwamathathu.

Lomdlalo uphantse wamoshakala nanjengoko abadlali bebethande ukuphathana gadalala bedlalana rhabaxa kwaye bentlontana naxa sele omnye engenayo nalobhola. Idanyana lamanzi kufutshane nje nendawo yokuhlala abalandeli libangele awabilula tu kwaphela lo mdlalo, kodwa ke azamile kakhulu lamaqela omabini ukudlala phantsi kwezomeko zinjalo.

ILove and Peace ibuye sele isilela emva ngamanqaku amabini eqandeni yadlala ngokulingana neGrahamstown United ejonge le ntshinga nayo, ngamanqaku amathathu macala.

IJacaranda Aces isibuyisile isidima sayo emva kokubhaxabula iqela le6 SAI elingaqinanga kuyaphi, nelo lishiywe lelo elithe lanyukela ngentla kukhuphiswano lwengigqi lweSAB.

Comments are closed.