NguCHRIS TOTOBELA
Iqela elizinze eKomani elityelele kweli izihlandlo eziliqela nalapho belidlala kwindebe eyaziwa njenge New Year’s Cup, Amavarara liphumile kwindebe yeNedbank. Amavarara abethwe yiBlack Leopards edlala kwiPSL kumdlalo wabo wesigaba samaqela alishumi elinesithandathu okugqibela kulendebe.

Amvarara aze kulomdlalo emva kokubetha iSuper Eagles ngamanqaku amabini kwelinye, nto leyo ebangele ukuba badlulele kwisigaba esilandelayo apho bajongene nqo neqela leBlack Leopards kumdlalo obubanjelwe eThohoyandou Stadium.

Amavarara akhangeleke othukile kulomdlalo kwaye ezibambile. ILeopards iye yophisa kuqala ngenqaku likaKapinga waze waphinda uNdlovu wongeza elinye inqaku kwisiqingatha sokuqala, nto leyo ebangele ukuba kuyiwe ekhefini elandela ngasemva Amavarara.

Azamile ukuhlasela kwisiqingatha sesibini kodwa ukuswela amava kulomgangatho kubachanile kakhulu. Nangona bebethiwe kulomdlalo kodwa abathandi bebhola balapha eMpuma Koloni bayazingca ngeliqela nanjengoko belilimele kakuhle eliphondo.

Umqeqeshi wabo nowayesakudlala kwiMthatha Bush Bucks, uMzunani Mgwigwi ulincomile kakhulu iqela lakhe ngeenzame zalo, kwaye uthi konke abakufunde kulomdlalo kuzoba lulutho kubo kuphinde kubancede kwimidlalo yabo ye ABC Motsepe.

Comments are closed.