NguCHRIS TOTOBELA
Baphume ngobuninzi abalandeli bebhola yalapha eMakhanda ngoMgqibelo beyokungqina kumdlalo obuphakathi kweCity Pirates neManchester United yase Mnyameni. Lomdlalo weSAB kulengingqi yeSarah Baartman obubanjelwe kwibala laseJD Dlepu eJoza, uqale kakuhle kwaye omabini lamaqela ebonakalisa ukuzimisela.

ICity Pirates iye yazama ukucinezela mpela zisuka nje kulomdlalo, kodwa bebethe gqolo besenza iimpazamo ezininzi kwaye behleli bebhutyuzela ngaphambi kweepali, bengakwazi ukugqibezela. IManchester iye yazama ukubuyela emdlalweni kancinci kwaye akothusanga ukubona isophisa kuqala emva kwebhola entle efakwe nje kakuhle phakathi kwabadlali bangasemva bePirates ethe yadibana noSandile Jonas oye wayibeka nje kakuhle esigcawini.

IPirates ikhangeleke ididekile ingazazi ukuba mayithini nanjengoko iUnited ibisiza ngamandla. Kuyiwe ekhefini ikhokela ngenqaku elinye eqandeni iUnited. IPirates yenze iinguqu ezingazanga natshintsho nanjengoko IManchester iye yongeza amanye amanqaku amabini ngonyawo lukaZolani Sonandze emva kokuhexa kodonga lwangasemva lwePirates.

Isikhonkwane sokugqibela kulomkhombe weCity Pirates sibethelelwe nguLiyema Makasi emva kokuba ebhaqe udonga lwangasemva lwePirates lukobunzulu ubuthongo walohlwaya. Umdlalo uye waphela iManchester United ibetha iCity Pirates ngamanqaku amane eqandeni.

Kukhangeleka kunzima kakhulu kwiPirates kwaye akubonakali ngathi likhona icebo lokuyisindisa kwizembe ejongene nalo. IPirates ikhokela ngenqaku elinye kuphela kwiPillars ezinze emsileni kwaye inamanqaku asibhozo kuphela emva kwemidlalo elishumi eyidlalileyo, nto leyo ebonakalisa ukungaqhubi kakuhle kolu khuphiswano.

Comments are closed.