NguCHRIS TOTOBELA
Ibhola yaseMakhanda iye yagutyungelwa lilifu elimnyama kulempela veki esisuka kuyo, emva kokuba iMakana Pillars iye yathabatha isigqibo sokurhoxa kwimidlalo yabo yeSAB phantsi kweSAFA kulengingqi yeSarah Baartman.

Oku kungqinwe ngunobhala jikelele weMakana LFA umnumzana Akhona Heshu. IMakana Pillars iphumelele intshinga yeMakana LFA kwisithuba nje esingaphantsi konyaka yaze yafumana ilungelo lokumela iMakhanda kwesisigaba sengingqi yeSarah Baartman.

IPillars engakhange ifumane thuba laneleyo lokuzilungiselela elinqanaba, iye yafumana ubunzima obukhulu, nto leyo ebangele ukuba bachithe ixesha elininzi bezinze emsileni kumanqwanqwa olukhuphiswano.

Okwenzeke kulempela veki edlulileyo nako kugalele ityuwa kwelinxeba lePillars, nanjengoko baye batsalelwa kumdlalo wabo walapha ekhaya, emva kokuba bengakwazanga ukukrwela imigca kwibala labo ebelicwangciselwe ukusingatha umdlalo wabo neFriendly City yaseQhorha.

Oku kungqina oko endiye ndakukhankanya kweziveki ziphelileyo, apho bendizama ukucacisa ubunzima ahlangana nabo amaqela ethu, noko kufanele ukwenziwa ngawo onke amaqela athi anyuselwe kwesisigaba, ukuthintela iimeko ezifana nezi.

Amalinge ethu okuzama ukuva uluvo lomqeqeshi wePillars ngalenyewe aye aphanza emva kokuba singakwazanga ukuphumela kuye emva kokuzama ukumtsalela umnxeba izihlandlo eziliqela.

Oku kushiya iMakhanda imelwe ngamaqela amabini kuphela kolukhuphiswano, iMaru esathe ngcu phezulu enkcochoyini kwakunye neCity Pirates ethande unyuka umnqantsa nayo kolukhuphiswano.

Nangona ezi izindaba ezibuhlungu ngeyona ndlela ngakumbi kubathandi nabalandeli bebhola yalapha eMakhanda kodwa ke akulahlwa mbeleko ngakufelwa.

Comments are closed.