NguCHRIS TOTOBELA
Ingqatsini yelanga lalempela veki esisuka kuyo yenze kwanzima kakhulu kubadlali ukwenza oko badume ngako kodwa ke bazamile phantsi kwezomeko zinjalo. NgoMgqibelo kwimidlalo yeMakana LFA yoompondo zihlanjiwe iAttackers ibhungce ngenqaku elinye eqandeni kwiLove and Peace, logama yona iNew Seekers ibuye sele isilela ngenqaku emva yaze yahlutha intlaka emlonyeni weSophia Stars ngamanqaku amabini kwelinye.

IJacaranda Aces ibhaxabule iNewtown City ngamane kwamabini kumdlalo obuwonwatyelwe kakhulu ngabalandeli bebhola. NgeCawa iYoung Eagles izixhwithele kwiJoza Callies, ethande ukuba yingqongqo mvanje, ngamanqaku amahlanu kwelinye.

Komnye umdlalo obunzima kwaye ushushu ngolona hlobo, iGrahamstown United esathe ngcu phezulu bihlangene ne6Sai ezinze kwindawo yesithathu kumanqwanqwa eMakana LFA. I6Sai eqale yakhokela ngamanqaku amabini eqandeni iye yavumela iUnited ukuba ibuye ilinganise amanqaku.

Umdlali we6Sai uye wafumana ikhadi elibomvu emva kokubetha uSompempe ngeshushu yona impama nto leyo ephantse yabangela umbhodamo nanjengoko kuye kwanyanzeleka ukuba kungene nomqeqeshi ngaphakathi ebaleni azame ukuthomalalisa le meko.

Umdlalo uye waphinda waqhuba emva kwethutyana nje elingephi. I6Sai iphinde yafaka inqaku lesithathu kodwa ke oko akwanelanga nanjengoko iUnited iphinde yalinganisa amanqaku kushiyeke nje imizuzwana kuphele umdlalo.

Lo mdlalo uphele lamaqela entanganye ngamanqaku amathathu macala.

Ukubethwa nokuphathwa gadalala kwamagosa alawula imidlalo akwamkelekanga tu kwaphela kwaye akukhathaliseki nokuba ungubani, akekho namnye umntu onelungelo lokuphakamisa isandla koosompempe xa engavumelani nezigqibo zabo.

Masithembe ukuba abo basemagunyeni bazozama ukumthathela amanyathelo aqatha lomdlali owenze oku ukuze nabanye bebecinga ukuzeka mzekweni bafunde isifundo.

Comments are closed.