NguCHRIS TOTOBELA
Imozulu ebimaxongo ibanda kwaye inemvula enamandla ngoMgqibelo ikhokelele ekurhoxisweni kwemidlalo.

Yonke imidlalo ebicwangciselwe uMgqibelo kumabala ohlukeneyo yeMakana LFA yoompondo zihlanjiwe kwakunye naleyo yamakhwenkwana aselula iye yarhoxiswa. Oku kubangelwe yimeko yezulu ebimbi ngeyona ndlela.

Esi sigqibo samkelwe ngezandla ezishushu ngabaqeqeshi nanjengoko bekungazobalula tu kwaphela kubadlali babo ukudlala phantsi kwalameko.

Iye yaqhuba imidlalo ngeCawa, ngokwendlela ebicwangciswe ngayo nangona imeko yezulu ibimathumbantaka. Abakhokelayo kumanqwanqwa eMakana LFA koompondo zihlanjiwe, iGrahamstown United iwuqale kakuhle kakhulu lo unyaka iqhubekeka apho ibishiye khona phambi kwekhefu lweziyunguma.

IUnited ibethe iNewseekers ngamanqaku amathathu kwelinye kumdlalo ubanjelwe eFiddlers Green. Komnye umdlalo obunzima kakhulu obubanjelwe kwibala laseJD Dlepu, iNewtown City isebenzise onke amava ayo ngethuba ibuya ngamandla kwisiqingatha sesibini yazibonakalisa ibetha iSophia Stars eqale kakuhle kulomdlalo nebixhathisile ithuba elide.

ICity iphumelele ngamanqaku amabini kwelinye. Kumdlalo wokugqibela wolusuku, iAttackers ibethe iYoung Eagles ngamanqaku amabini eqandeni.

Comments are closed.