NguCHRIS TOTOBELA
Bekugoso okwaphukayo ngobusuku bangoMgqibelo esisuka kuwo, nalapho imbethi manqindi yeli uMziwoxolo “Black tiger “Ndwayana ebevana amandla noRyan Martin waseBrithani kumlo obubanjelwe eOasis Leisure Centre. Esi sibini besivana amandla kumlo wokuhluzana, nalapho ophumeleleyo ebezakufumana ithuba lokuhlangana ne ntshatsheli ephethe le ntshinga yeCommonwealth kwesi sigaba seWelterweight ekwazinze eBrithani.

Iinzame zikaNdwayana namathemba abalandeli bakhe balapha eMakhanda nakuMzantsi Afrika uphela, ziye zawela phantsi emva kokuba lo kaMartin ebambe u”Black tiger” ngenqindi elibuhlungu elinobuzaza ecabangeni wambeka phantsi.

Oku kwenzeke kumjikelo wesibini nalapho intandane yalapha ekhaya iye yokuhlaba ngamadolo phantsi kwanzima ukuphinda iphakame iqhubekeke, ntoleyo ebangele ukuba umiswe lo mlo.

URyan Martin uye wachazwa njengophumeleleyo waze ngokwenza njalo wazibekela ithuba elihle lokujongana nqo nentshatsheli ephethe lentshinga. Lo kaMartin umncome wamtyibela uNdwayana ngendlela awuqale ngayo lo mlo, kwaye uthi ebebonakala emehlweni ukuba uzimisele ukuyilwa yonke imijikelo elishumi.

Uthi umbonile ukuba khange kube lula kuye emva kokuba emfumene ngenqindi elinzima kumjikelo wokuqala, ntoleyo emnike ithemba nanjengoko bekungazoba lula ukumelana naye yonke lamijikelo.

UMartin oqeqeshwa ngu addy Fitzpatrick kulindeleke ukuba afumane nje umlo wokugqibela phambi kokuba ayokujongana nqo nentshatsheli.

UNdwayana uzamile yena kwaye ufanele ukothulelwa umnqwazi ngesibindi anaso kwanendlela asebenza nzima ngayo ukuzama ukuphakamisa indawo yaseMakhanda.

Ngxe kubalandeli nabathandi baledyongwana kodwa ke akulahlwa mbeleko ngakufelwa.

Umqeqeshi nokwanguyise ka “Black tiger” uBulelani Ndwayana, uthi lo umlo ube sisifundo kubo nanjengoko befunde okuninzi ngethutyana nje elincinci.

“Zininzi izinto ezibenegalelo ekubethweni kwethu, ezinye bezingaphaya kolawulo namandla ethu. Ukuhamba ngenqwelo moya ubusuku bonke ufike ukhwele esikalini ngoko nangoko, uphinde ungabi naxesha loneleyo phambi komlo, kusichanile. Kumjikelo wokuqala sikwazile ukumelana noMartin sagalela awethu amanqindi ibe lilishwa nje ukuba asibambe ngelanqindi eliye lasitheza amandla. Ndibulela elithuba esilinikwe ngabaphathi nabaququzeleli bethu kwaye basithembisile ukuba emva nje kokuba sikhusele le tshinga ngo February walo ozayo unyaka, bazakuphinda basizamele omnye umlo okumngangatho wehlabathi.”

U Ndwayana uzakukhusela intshinga yakhe yomzantsi afrika ngo February wonyaka ozayo kumceli mngeni ongeka ziswa okwangoku.

 

Comments are closed.