The poem is an eulogy for the late Ayanda Nondlwana. The poem points out that Ayanda was a multi-talented person who was always bringing smiles to the people around him. Tsi! Lo mhlaba uyahlaba,

Ayanda ngokwanda amaxhala nonxunguphalo
Mini nezolo sityhila amaphepha-ndaba
Mini nezolo siphula-phula koonomathotholo
Mini nezolo sothuka ezindabeni zikamabona-kude

Kanti siyakude sive nangokushiywa kwethu ngomnye wethu
EMdantsane uNondlwana ligama elihlonitshwe kakhulu
Ingakumbi xa umkhosi wakhona uphume ingqina
Bona sele kukho into ekhoyo kwaNondlwana
Kuphithizela kwesositalatwana iintlanga kucace nakuthathatha

Makubenjalo nakwelokhaya lakho lokugqibela Ayanda Nondlwana

Ndatsho ndifika eMakhanda ndibona abokrwec’ izulu abahamba ngeentonga
Wabe umfomkhulu esukile kakade egadeni
Athi khona akutakataka edliwa ziintwala neentakumba zamapantsula
Umve ethetha le naleya eqongeni suka kunyumbazek’ abantu nabantwana

Ndatsho ndathi ilele italente kulo kaNondlwana

Azi ukuba tyhefundini kamantshingilane uyasazi isono sakho kusini na
Endaweni yokuba uhoye ukhuseleko wena uphathel’ isizw’ ibhozo
Kuyakude kubenini amagugu esizwe enyhashwa ngoongantweni
Bekusekuphele izilwanyana zokuzibhuntseka uzihlinze kusini na

Uyafana nothathe iflegu yoMzantsi Afrika wayikrazula ngokubulala uAyanda Nondlwana

Masithembe mhlekazi ukuba uyakucula ukusixelela oku de uthi ‘Ho-o-o-yi-na-a!’
Sithembe ukuba awucula nje koko uyakuxhentsa upantsule kubedlakadlak’ iiteki
Ubengabalinganiswa ngabalinganiswa kweloqonga likamantyi nakwanongqongqo
De sixelelwe ukuba masigoduke sisisizwe ‘liphelil’ ityala, iphelil’ int’ ebithethwa’

Awungomdali wemiphefumlo nobomi apha naphina na

Sakugxeka sithi nokuba bekutheni na
Bekunganyanzelekanga ude uthabathe umphefumlo
Awudalanga bomi bukaAyanda Nondlwana
Nawe unomphefumlo wakho onga ungangathathwa mntu

Ngu: Zongezile Matshoba

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.