The poem is to say good bye to the heritage moth September. According to the poet it was supposed to bring peace of mind but it left us with so much grief. Mawethu nomntana wakwaNobanda sithi kwanga ukubuya kwakhe anga negalelo elilungileyo kolunye ulutsha. Bazali bakhe imithandazo iyaphendulwa bonanje

Ngendiku bethel’uhadi ndithi halalala!
Ngendikuhlabelela umrhubhe
Ndenz’intsholo yengoma ngawe
Ndikuqhwabel’izandla ngokuzilekese
Ndiku ncumele ngathi usiphethele okuhle
Sala kakuhle nyanga yamagugu

Ube mbi kuthi nyangandini
Uthe ufika sabe silila sathi sisa jongile
Gqabhu gqi izihelegu
Ezilandelwa bubuxelegu bobuhagu
Izihlahlambisi zezithunywa zobubi
Ezingena lusini nakose beleni

Sizile kakhulu ngawe nyangandini
Ulilile umzali ngawe kakhulu
Sabulawelwa u-Uyinene ngogonyamelo
Yaluthotho emva kwakhe
Owu! Zahamb’iintwazana ezintle zomzantsi Afrika omtsha
Ngezandla ebezimele ukuzikhusela

Nyangandini ube lilishwa kuthi

Simanxebanxeba sekunamhlanje
“ntliziyo zethu azisa thungelani
Nguwe unobangela woku konke
Tsi umntu oyindoda!
Ngeba ndithi akanto yanto

Andazi na nokuba bendi salama
Andazi na nokuba bendiphupha iphupha
Nokwenza elingagqibekiyo elinga balisekiyo
Yhini le! Nantso laaa ntomb’inwele zingumdontso
Ithwel’iziyobis’ityhutyh’amazwe ngamazwe ibuyile
Onondaba bayiwela yaliqhawekazi eliqhaqhazelisayo

Hay sukapha! Ube yiholitshetshi yase sihogweni
Wasithathel’abantwana bethu!!!

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.