NguCHRIS TOTOBELA
Iye yalala inkomo isengwa kwiqela lesizwe lalapha ekhaya iBanyana Banyana. Aphanzile amalinge eliqela okuzama uzibekela indawo kwimidlalo yeeOlympics ezakubanjelwa eTokyo kulonyaka uzayo.

IBanyana Banyana idlale ngokulingana neqela laseBotswana ngeqanda macala kumlenze wesibini obubanjelwe kwandonga ziyaduma eGoli.

Kumlenze wokuqala owawubanjelwe eBotswana yabayinkwa nenkwa phakathi kwalamaqela mabini.

Kuye kwanyanzeleka ukuba ohlulwe ngeepenaliti lamaqela kulo wesibini umlenze, nalapho iBotswana iye yaphumelela yaze ngokwenza njalo yazibeka ethubeni lokuba iye kumlenze olandelayo wokuhluzela lemidlalo.

Umqeqeshi weBanyana Banyana uDesiree Ellis uthe akulahlwa mbeleko ngakufelwa kwaye oku kube lilishwa nje eliye lehle nakulo naliphina iqela.

Uthe bazakubuyela kwiqonga labo lokuceba iqhinga elilandelayo nalapho khona bazakuhlahla indlela eya phambili. Sithi ngxe kulamagqiyazana akowethu naye abhidwa yinja ukuvuthwa kwesi isihlandlo emva kokuzama ephakamisa igama leli kwihlabathi jikelele.

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.