The title of the poem is “a grinding stone” referring to women of South Africa and Africa at large. The imbongi is touching various things that are attributed to women. He recognises their role from when the person was in the womb to their struggle for the freedom. Halala makhosikazi!

Aha Mfazi Ndini othwele inyanda yeSizwe
Owu sihle isizalo somntu onguMfazi
ewe umfazi uzalela omnye umfazi
Siyabulela ngesizalo esihle sabafazi abaqina imixhadi
belwela ilizwe lethu

Besithi mayibuye iAfrika makulinganwe ngamalungelo
ewe ngoku emisebenzini sixelenga ngofanayo,
Besithi mawaphele amaDompasi
ewe ngoku sinezazisi ezizi Ngcwadi
Besithi wathinta abafazi wathinta imbhokotho
ewe siwabonile Amandla embhokotho nobunzima abadlule kubo

Babuthwala ubuhlungu nobunzima belizwe lethu
eNkosi bafazi Ndini sithi mazinethole sibamba ngazo zozibini
imizamo yenu yenzekile ndithetha ngobanina?
Ndithetha ngabaFazi abathwala inyanda yelizwe
besenza uxolo nothando eMzantsi Afrika

Ewe liyinene elithi ukuzala kuzolula kuba balwele abantu bonke
bayavuya abanye omama kuba bazele amaqhawekazi eAfrika
inene sihle isizalo seAfrika sinamandla

Phambili makhosikazi elizwekazi leAfrika
Phambili maqhawekazi aseMzantsi Afrika
Malibongwe igama lama Nina eAfrika
Maliphile ilizwekazi leAfrika ngani Maqobakazana amahle
Umanyamo ngamandla

Ngu: Chumani Gocini

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.