NguCHRIS TOTOBELA

Kuzobe kuxhelw’ exhukwane kubathandi bebhola ekhatywayo yamagqiyazana kulempela veki.

Amaqela ebhola ekhatywayo abasetyhini azobe exova ebhaka kwimidlalo ezakubanjelwa eDlepu njengenxalenye yokubhiyozela umhla kwanenyanga yabasetyhini kulo lonke eli.

Konke oku kuzokuqhubeka ngeCawa umhla weshumi elinanye kule imiyo, kwaye kuzobe kukho neminye imiboniso yemidlalo yabantu basetyhini. Iimbethi manqindi ezidumileyo ezingamagqiyazana, zizakube zikhona kulomcimbi zizokubonisa ngezakhono zazo.

Amantombazana aphuma kwiqela elaziwayo leKarate lalapha eMakhanda, nawo azakubonisa ngetalente yawo. Lomsitho uzobe ubonisa iindidi ezahlukeneyo zemidlalo edlalwa ngabantu abanhinqileyo balapha eMakhanda, kwaye le yindlela yokubonakalisa imbeko kuwo onke amanina asebenze nzima ukuqinisekisa ukuba isidima somntu obhinqileyo sihlala sikhuselekile ngawo onke amaxesha.

Iintandane zalapha eMakhanda nezize nodumo izihlandlo eziliqela iAfrican Connection izobe ikhona nayo kulomnyadala nangona abadlali babo abaliqela bethe saa kulo lonke eli beyokumela amaqela ohlukeneyo alapha empuma koloni.

Oku kunika ithuba kwabo baselula kwanabo bafikayo kweliqela ukuba bazibonakalise balwele indawo kwiqela elizoqala umdlalo.

Umdla ngowokubona ukubona ukuba iyozala nkomo ni na. Abalandeli bazakuzibonela ngawabo amehlo ukuba izakulala phi na indebe.

Comments are closed.