NguChris Totobela

Emva kokothusa abalandeli abaninzi bebhola ekhatywayo kwihlabathi jikelele ngokukhiqa oosotheko iYiphutha, iBafana Bafana ibethwe liqela laseNigeria.

Bonke abalandeli beliqela bebejonge lukhulu kweliqela emva kokudlala ngokuzimisela okukhulu ngethuba bekhuphela ngaphandle iYiphutha kwindebe yamazwe alapha eAfrika ebanjelwe eYiphutha.

IBafana Bafana nebikhangeleka iphelelwe ngamaqhinga, icinezelwe zisuka liqela laseNigeria kwaye khange ifumane thuba lokuphefumla tu kulo mdlalo.

Iimpazamo ezininzi kudonga lwangasemva loMzantsi Afrika zizo ezibangele ukuba eliqela libethwe yiNigeria ngamanqaku amabini kwelinye.

Emva kokungaqhubi kakuhle ncam kwimidlalo yokuqala yokuqokelela amanqaku nalapho iBafana iphumelele umdlalo omnye kuphela, ibetha iNamibia ngenqaku elinye eqandeni, umdlalo weYiphutha ubuyisele ithemba kubalandeli balapha ekhaya.

Eyona nto ekhwinisa abalandeli beliqela ayikokubethwa nje kweliqela yiNigeria, kodwa kukudlala ngeyona ndlela engaxolisiyo tu kwaphela nalapho abadlali bebelahla ibhola nje ngokulula kungekho xinezelelo.

IBafana iye yazama uvuka ebuthongweni emva kwenqaku lika Bongani Zungu, kodwa baphinda baphoxwa kukuhexa kodonga lwabo lwangasemva.

Eliqela libuyela ekhaya lisiza kuzikhotha amanxeba kodwa ke, kuninzi abakufundileyo kuletumente kwaye yona italente ikhona apha ekhaya, kushota nje ukuzinikela kubadlali bethu.

Iyakuba yimpazamo enkulu ukutyunjwa komqeqeshi osuka ngapha kwemida yeli xa kukhangelwa indoda ezakuthabatha indawo kaStuart Baxter, ongahle asishiye esisikhundla sakhe esitshisayo.

Babethiwe bona Abafana kodwa ke akulahlwa mbeleko ngakufelwa.

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.