NguCHRIS TOTOBELA

Iqela lesizwe lo Mzantsi Afrika lebhola ekhatywayo elaziwa njenga Bafana bafana, lijongene nomnqantsa kwindebe yamazwe alapha eAfrika ebanjelwe eYiphutha. Kumdlalo wokuqala iBafana ibethwe ngenqaku elinye eqandeni yiIvory Coast, kumdlalo obulula ngeyona ndlela nalapho iqela lethu libonakele lingakwazi ukudlala ibhola le elidume ngayo, kwaye kunzima ukugqobhoza kudonga lwangasemva lweIvory Coast.

IBafana ifane babhungca nje ngezika Sibi kumdlalo wabo olandelayo neAngola ngenqaku elinye eqandeni. Kumdlalo wokugqibela iBafana ikhangeleke ingenawo tu umdla wokuhlasela iqela laseMorroco ngethuba bebefumbe emva, nto leyo ebangele ukuba iMorroco izenzele esazulwini sebala.

Akothusanga tu kwaphela ukubona iMorroco ifumana inqaku sekusele nje umzuzu omnye uphele umdlalo.

Lento ibangele ukuba iBafana Bafana ixhomekeke kumanye amazwe phambi kokuba idlulele kwisigaba esilandelayo sokhuphiswano.

IBafana izinqikele ilitye elineembovane nanjengoko bezokuhlangana noosotheko kumdlalo olandelayo wokukhiqana iEgypt ngoMgqibelo ebusuku.

EzikaFaro ziza kulomdlalo zingekabethwa tu kolukhuphiswano, logama iBafana isiza imanxebanxeba.

Umqeqeshi weBafana Bafana uStuart Baxter uthe lifikile ixesha ngoku lokuba aze nelinye iqhinga kwaye afake abadlali abazakunceda iqela leli liye phambili lihlasele.

UThembinkosi Lorch noInnocent Mayela bayafuneka kakhulu kweliqela nto leyo ebonwa nangu thathatha.

Lifikile ithuba lokuba aphumze uLebo Mothiba ngoku, nosoloko elahla ibhola ngalo lonke ixesha kwaye iBafana idinga abadlali basesiswini abadlalela ukuya phambili ngalo lonke ixesha, hayi abasokolisa eliqela ngokudlalela ibhola emva nasemacaleni ngalo lonke ixesha.

UHlompo Kekana okanye uTiyani Mabunda, omnye wabo kufanele aqale umdlalo kwaye akhonto inokwenziwa nguPercy Tau eyedwa engenayo inkxaso edingekayo.

Iceya likuBaxter ezandleni, kwaye uMzantsi Afrika wonke ujonge kuye, naye uyayazi kulandawo akuyo ukuba noko iqela lethu lingenza ngcono kakhulu kunale nto esiyibukelayo mvanje.

Comments are closed.