NguCHRIS TOTOBELA

Isaqhuba indebe yamanina yehlabathi, nangona awalapha ekhaya amagqiyazana sele ebuyele ekhaya.

Iqela loMzantsi Afrika elaziwa njenga Banyana Banyana ibilelinye lamaqela amathathu amele izwekazi lalapha eAfrika kwindebe yehlabathi ebanjelwe eFrance kuquka neNigeria kwakunye neCameroon.

Nangona uphume ngenja ixukuxa uMzantsi Afrika, uzame ngako konke okusemandleni awo kwaye bebethelekiswe noompondo zihlanjiwe abaquka iSpain, iChina kunye neGermany.

Kumdlalo wokuqala iBanyana ihlangene neembila zithutha ngethuba ihluthwa intlaka emlonyeni  liqela lase Spain ngamanqaku amathathu kwelinye emva kokuya ekhefini inkqenkqeza phambili ngenqaku elinye eqandeni.

Kowesibini umdlalo iBanyana ikhuphe onke amandla yacinezela zisuka kwiChina, kodwa yafa namthanyana ngethuba ibethwa ngenqaku elinye eqandeni.

Lonto ibashiye nomnqantsa kwaze kwafuneka ukuba babethe iGermany ngamanqaku aliqela.

IGermany icacise zisuka kulomdlalo ukuba ayizanga uzopuca yaze yabetha iBanyana ngamanqaku amane eqandeni.

Ininzi into ebinegalelo ekubethweni kwabo, ukungasebenzisi amathuba abo, izigqibo zooSompempe ezigwenxa kwanokungaziphathi kakuhle kwabadlali ebaleni, nokuswela amava okudlala kumgangatho okumila kunje.

Bazamile bona kakhulu ngakumbi xa siqwalasela iimeko bebedlala phantsi kwazo, kwaye bafanelwe kukothulelwa umnqwazi.

Amava abawafumene kolukhuphiswano azakubanceda kakhulu ukubheka phambili.

Comments are closed.