Onke amathemba abathandi bebhola elikhulu balapha eMakhanda aye awa phantsi ngethuba iqela bekulindelwe ukuba lize nendebe yeSAB okokuqala apha ekhaya lisiwa nganeno. Kulempela veki esisuka kuyo bekuhlangene bonke Oompondo zihlanjiwe balengingqi yeSarah Baartman, bebequbisene kwimidlalo yobuntshatsheli nalapho iqela eliphumeleleyo belizakuzibekela indawo kwimidlalo yephondo, nalapho kulwelwa khona ithuba lokudlala kwiABC Motsepe League.

Lemidlalo ibibanjelwe eAddo, nalapho iMaru igqibe kwindawo yesine. Kwindawo yokuqala kuphume phambili iBush Pirates yase ddo ezakuhamba iyomela le ngingqi yeSarah Baartman eKomani ngomhla we 15 – 16 kaJune.

Kwindawo yesibini kuphume iUnited Eleven yaseBhatisi ze kwindawo yesithathu ibe yiCity All Stars. Indawo yesihlanu neyesithandathu ithathwe yiFast XI neWits ngoku landelelana kwazo.

Idlale kakuhle kakhulu iMaru kulonyaka kwaye ibizimisele ngeyona ndlela kodwa ke izinto azahamba ngokwendlela ebekulindeleke ukuba zihambe ngayo.

Eli lithuba lokuba ijonge ukuba iphazame ndawoni ze iqinise apho isilele khona nanjengoko kungalahlwa mbeleko ngakufelwa. Abantu balapha ekhaya basakholelwa ukuba eli kuphela kweqela elinokubuya nayo le ndebe kulo unyaka uzayo .

Comments are closed.