NguNTHUTHU BLOW

Njengabanye abantu abaninzi abahlala kwilokishi yaseMakhanda, ulwazi endinalo malunga nokusingqongileyo luncinane. Kodwa ke, kuba mna ndiye ndaba nethamsanqa lokuvela esikolweni noko izinto azifani.

Le nto ndiyithethiswa ngokuba mihla le ndibona abantu abaninzi belahla iindindi-ngeendidi zenkunkuma kwiindawo abangavumelekanga ukuba balahle inkunkuma kuzo. Ndiye ke, ndazibuza umbuzo othi, ingaba singabahlali siyawuqonda umngcipheko wesisenzo esiphekelele ukusenza mihla le?

Lo ibingumbuzo ubundihleli, kodwa kungekho ndawo endinokufumana kuyo iimpendulo.

Ngethamsanqa, kuthe ngenxa yomsebenzi endiwenzayo, onxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo, ndadibana nabantu abathathu. Owokuqala ngumntu ongutata omdala noomamama ababini. Bafika kum emsebenzini bezokucela uncedo malunga nokulahlwa kwenkunkuma, ngokungekho-mthethweni phambi
kwamakhaya abo. Eyona nto ibibaphethe kakubi, livumba elinganyamezelekiyo, iimpukane, iimpuku (amabuzi noocwethe) eziphela zingena nasezindlwini zabo.

Umbuzo wokuqala endiye ndawubuza kwababahlali bobathathu, kukuba bona yintoni imizamo abayenzileyo ukukhawulelana nale meko? Bonke bathi bazamile ukuthetha nababantu balahla le nkunkuma phambi kwemizi yabo. Kodwa ngelishwa iimpendulo eziphume kwabo balahlayo, zifana nezi; “bonke abantu balahla apha?”; “ubuyekele ntoni abanye belahla, ze unqade mna?”; okanye “uthi silahle
phi ke?”

Emveni koko bathi bahambe bayakuthetha noCeba wabo, befuna ukucela uncedo kuye. Kodwa impendulo kaCeba, ibonakalisa ukuba ulwazi oluphangaleleyo malunga noko kusingqongileyo lushokoxekile kwaye ludingeka kakhulu kwisininzi sabahlali.

Bobathathu ababahlali bajongene nale ngxaki, khange babonakalise okanye bavakalise unxunguphalo lokuba le meko ikuchaphazela njani okusingqongileyo. Ngaphezulu, ndithe xa ndibancina, ndava ukuba olona nxunguphalo lwabo lubangelwa livumba, iimpukane, neempuku.

Eyona nto iye yandihlala ngayo yonke le meko kukuba abantu bakuthi badinga uncedo nokuxhotyiswa ngolwazi. Ngoba nabo balahlayo ingathi ababuqondi ubunzulu nobuzaza obunokuthi buzalwe yile meko.

Nditsho kuba, abo balahlayo balahla amanapukeni angcolisiweyo, ii-khondom ezisetyenzisiweyo, iinaliti zokutofa ezisebenzileyo, ii-sanitary towels, nezinye iindidi zeetyhefu (dangerous chemicals), izilwanyana ezifileyo, iplastiki, amaphepha, iitoti njalo-njalo; ecaleni kwalamakhaya. Ngamanye amaxesha, kusuka abanikazi beevenkile bezokulahla ukutya okudala nenyama ebolileyo.

Ngokwam ukubona ndicinga ukuba urhulumente wasekhaya, ukakhulu i-ofisi yeSebe Lokusingqongileyo, inoxanduva lofundisa uluntu ngokusingqongileyo. Ngoba nooCeba, aba bantu bekumele ukuba sifumana uncedo nolwazi kubo banolwazi oluncinci njengabantu abaninzi.

Njengomntu okhathalayo ndinqwenela ukwazisa izinto zibentandathu ekumele uzazi malunga nokusingqongileyo:
1. Okusingqongileyo kubalulekile
2. Ukuba akuzihluphi ngongcoliseko lokusingqongileyo, ubeka impilo yakho neyabanye esichengeni.
3. Amaqondo obushushu, kwihlabathi jikelele anyuka ngamandla, kwaye oku kubangela iimeko zemozulu ezinobungozi, umzekelo, izikhukhula, nokukhula nzima kwezityalo.
4. Izizukukwana ezizayo nazo zingasemngciphekweni ngenxa yezenzo zethu.
5. Inkangeleko yendawo ohlala kuyo ibonakalisa ukuba ungumntu onjani.
6. Lo mhlaba likhaya lethu, ngoko ke masiwuphathe kakuhle. Kungako ndisithi luxanduva lwethu sonkeukuhusela nokunonophela okusingqongileyo!

TO READ THIS COLUMN IN ENGLISH GO TO: http://bit.ly/GrocEnvironews20190524

https://www.grocotts.co.za/2019/05/23/what-do-you-know-about-the-environment/

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.