NguCHRIS TOTOBELA

Ibingamayeyeye, amakhwelo nokuyiyizela ngelixa abahlali nabathandi beqela labasetyhini ekuphela kwalo nabazingca ngalo bengakwazi ukufihla imincili yabo ngethuba i-African Connection ibonisa impahla yayo entsha yokudlala.

Amakonokono ebebonakala echulumancile ngethuba ebonisa abalandeli babo impahla entsha nezixhobo ezininzi zokudlala nokuzilolonga ezivela kwi-National Lottery Commission.

I-African Connection ixhaswe ngee-tracksuits, impahla yokudlala yabadlali abadala nabo baselula, iikoks, iibhola, izixhobo zokuncedisa ukuqeqesha abadlali nezinye izinto ezininzi zokuncedisa ukuphucula umgangatho weliqela.

Othethela eliqela nodlale kweliqela iminyaka engaphezu kwamashumi amabini uNwabisa Tyelbooi uthe “Le yimini esingasoze siyilibale ebomini kuba kudala sisiwa sivuka sisokola, kunzima ukufumana uncedo kodwa namhlanje silapha sizokubonisa ngezipho ezintle kangaka esizifumene kwa-NLC. Egameni leliqela ndenza umbulelo ongazenzisiyo kubaxhasi bethu abasenze abantu namhlanje. Lenkxaso izakusinika amandla okuba sisebenze nangakumbi kwaye siqinise kwidabi lethu lokulwa ubundlobongela neziyobisi apha ekuhlaleni sisebenzisa imidlalo”.

Amakonokono abangele ukuba ilokishi yonke ingawuvali umlomo ngendlela le ezintle ngayo izinto abaxhaswe ngazo. I-African Connection ilelona qela elinempumelelo kakhulu kumaqela alapha eMakhanda nanjengoko izingca ngokuphumelela indebe yesithili iSarah Baartman izihlandlo ezisixhenxe zilandelelana.

Eliqela linalo neqela elincinane labadlali abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesihlanu.

Photo: Chris Totobela
Photo: Chris Totobela
Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.