NguCHRIS TOTOBELA

Kukhangeleka ingathi ingazalisekiswa iminqweno yabathandi bebhola elikhulu balapha eMakhanda yokubona elinye lamaqela alapha ekhaya liphakamisa indebe yeSAB League.

Amaqela amabini amele iMakhanda kukhuphiswano lweSAB kulengingqi yeSarah Baartman, aqale kakuhle kulo unyaka nangona iCity Pirates ibonakala ngathi iya inyuka umnqantsa, ikwabonakala iphelelwa ngamandla ngelona xesha kanye afuneka ngawo.

Ukuquthiswa kwayo ngeCawa edlulileyo yiUnited Eleven ngamanqaku amathathu eqandeni, kongeze kwiinzingo zabo. IMaru yona kukhangeleka ngathi ingabuya nayo lendebe nanjengoko isathe ngcu phezulu enkcochoyini kumanqwanqwa ale ndebe.

Emva kwemidlalo nje elishumi elinesihlanu, iMaru inkqenkqeza phambili ngamanqaku angamashumi amabini anesithoba. Kwindawo yesibini yiManchester yaseMnyameni enamanqaku angamashumi amabini anane, kodwa ke bona badlale imidlalo elishumi elinesithathu kuphela.

Kwindawo yesithathu liqela laseQhorha iFriendly City, enamanqaku angamashumi amabini ananye kwimidlalo elishumi elinesine.

Elinye iqela lalapha ekhaya iCity Pirates ilele kwindawo yesine ngamanqaku angamashumi amabini emva kwemidlalo elishumi elinesine. Onke amathemba kwanemithandazo yabantu baseMakhanda isemagxeni eMaru nanjengoko ilelona qela likwindawo entle kakhulu neline thuba lokuzisa le ndebe apha ekhaya, kodwa ke kuzakufuneka baqinise umxakatho ukufezekisa amaphupha abo.

Comments are closed.