NguCHRIS TOTOBELA

Imozulu ebiqhaqhazelisa amazinyo ngeCawa ayithintelanga abathandi bebhola elikhulu ukuba bangayi ukuya kuxhasa amaqela abo. Kumdlalo wokuqala obuvutha amadangatye, iJacaranda Aces iphinde yabuyisa isidima sayo ngethuba ibetha iNewseekers ngenqaku elinye eqandeni, amva kokuba idlale ngenqwaba yamathuba ewafumeneyo.

IJoza Callies nayo ibuyise esayo isidima ngethuba ibetha iCameroon ngamanqaku amabini kwelinye. IAttackers ibethe iRiebeck City ngamanqaku amabini kwelinye, logama nayo iYoung Killers itywatyushe iNewtown City ngamanqaku amabini kwelinye.

ILove and Peace ibhaxabule iFuture Stars ngamanqaku asixhenxe kwelinye. IMakana Pillars esathe ngcu enkcochoyini yeMakana LFA Premier League, ibanjwe ngobhongwana yafuthaniselwa yiSophia Stars, kodwa ke ikwazile ukulwa nanjengoko kuphele bebambene ngeqanda macala.

Kule mpelaveki amaqela amakhulu alapha ekhaya azakube ethe saa eyokudlala kwiitumente zepasika ezizobe zibanjelwe kwiindawo ngendawo ezahlukeneyo nanjengoko apha ekhaya kuzobe kuthe cwaka njengesiqhelo.

Sekuyiminyaka eliqela ngoku kungabikho nto iqhubekayo ngale mpelaveki yepasika, kwaye kulihlazo oku ngakumbi xa uqwalasela ubukhulu beMakhanda kwanenani lamaqela esinawo apha ekhaya.

Comments are closed.