Ngu: Chumani Gocini  uBhejula isiduko

Ngumntwana wenu mawethu.
The imbongi is complaining about the lack of support among the people. He can’t see kindness, love and peace. He encouraging people to bring back what is lost, that is to look at each other as brothers and sisters.

Konakele phi nto zakowethu?
Kwaphelela phi na? kwaphelela phi na?
besikade sibambisana ngoxolo nothando
Sisakhana ngentlonipho nobubele
kodwa ngoku siyaphalazana

Sisithi umntu ngumntu ngabantu
buyaphi ubuntu bethu?
Siphathisana ngembeko sisithi hlonipha
uyihlo nonyoko ukuze uphile ubomi obude
Kodwa namhlanje siwele iinduli
sacanda namathafa sawela into zasemzini

Sasizibiza ngamaRharhabe, amaGcaleka,
amaMfengu kunye nabaThembu

kodwa sonke siphuma kwiNkosi uXhosa
Masambeni nto zobawo sibuyeleni
ekhaya kwaXhosa
ukuze  kuphile iiNkosi neNkosazana zikaXhosa
Kuphile iikumkani nekumkanikazi zikaPhalo
masambeni sibuyeleni ekhaya eMbo

Sue Maclennan

Local journalism

Comments are closed.