NguCHRIS TOTOBELA

Imozulu ibingagqibeki ncam nebithande ukuba mathumb’ antaka ayibathibazanga tu abalandeli bebhola ukuba bangayi kwimidlalo yeMakana LFA ebibanjelwe eJD Dlepu. Kumdlalo wokuqala, abajonge lendebe ngamehlo abomvu, iJacaranda Aces ibethe iFuture Stars ngamanqaku amabini eqandeni.

ISophia Stars ibambene ngenqaku elinye macala neNewtown City logama iCameroon iqengqele iRiebeck City efike emva kwexesha ebelibekelwe kumdlalo. INewseekers ibhaxabule iYoung Killers ngamanqaku amabini eqandeni yaze yona iAttackers yahlutha intlaka emlonyeni kwiLove and Peace ngenqaku elinye eqandeni.

Kumdlalo obuvutha bhe iMakana pillars ethande ungahleki nanye kwezihlekisayo iphinde yaqhubekeka nokuzihlahlela indlela eya ekuphakamiseni indebe emva kokuba ibethe IJoza Callies ngenqaku elinye eqandeni. ICallies iqale lomdlalo ngabadlali abasibhozo kuphela kodwa iye yakwazi ukuqala isiqingatha sesibini ngabadlali abomeleleyo. Kusekutsha kakhulu kodwa kukhangeleka ngathi iMakana Pillars akuzoba lula ukuyibetha kulo unyaka kodwa ke ibhola inezimanga kwaye iqengqelekela nangaphina.

Comments are closed.