UKUPHULAPHULA
(This is positive listening)

Kwiinto ezithi zimthathe umntu zimbeke kwibakala elihle nelingathi mhlawumbi limbeke kwelona liphezulu kukuphulaphula. Uyahlupha umntu ongaphulaphuliyo.

Umba wokuphulaphula uqukethe lukhulu kakhulu kodwa asingabo bonke abantu abanakho oko kuqonda. Zonke izizwe neentlanga zixhomekeke ekubeni ziyaphulaphula okanye ziyaphulaphulana na. Xa lungekho uphulaphulo ufumana ethetha lowo uthethayo. Ukuphulaphula kuqala ekhaya ebuntwaneni. Uphulaphula umzali abantakwenu kwakunye noodade.

Zintoni ezibalulekileyo ekuphulaphuleni? Abanye bangacinga ukuphulaphula kubandakanya indlebe yodwa.
Zintathu nangaphezulu izinto ezibalulekileyo emntwini xa ephulaphula. Kukubeka indlebe, ukujonga ngendlela enikisa umdla kulowo uthethayo kwakunye nendlela ohleli okanye ome ngayo inempembelelo kwindlela othi uphulaphule ngayo. Ingqondo ke yiyo le ithi icacise ukuba okwenene ngeli xesha unikwa umyalezo okanye kuthethwa nawe ubuphulaphule. Lo nto iqondakaliswa seso senzo besise myalezweni lowo ubuwunikiwe kungenjalo oko ukuthethayo emva kokuba kucingwe ukuba ubuphulaphule. Kuye kuthi ke wakuthetha oko bekunga khange kutshiwo ngaphambili kubonakale ukuba khange uphulaphule kwanto. Iba ludano kwabo bebe kuthembile okanye lowo ukuphethise lowo myalezo ngethemba lokuba uza kuba nakho ukuwuphalaza ngendlela eyiyo kwabo bawulindeleyo. Okona kubuhlungu koku kokuba abo ubanika lo myalezo bazi ukuba wona umyalezo awusuki kuwe koko uwuthunyiwe. Lo nto yenze ukuba abo kuthiwa usuka kubo lo myalezo, ibe ngabo abolathwayo kanti lo uthethe egameni labo usuke wagqwetheka.

Ukuba silu luntu besi nokunceda apha ekuphulaphuleni sibaze iindlebe sivule amehlo neendlebe singe singehlukani nokusoloko sise luxolweni. Buza kumakhaya ngamakhaya ukuba kutheni kuxatyanwa nje, uya kuyiva impendulo

ethi ubani akeva kudala ndithetha naye. Nomnye athi lo unenkani akeva. Xa abantwana bekhula bebona utata emamela umama ngendlela yokumthanda kwangokunjalo nomama enze njalo abantwana bangakhula bengafuni kuzibonakalisa ukuba bona bangamakhwenkwe kufuneka beviwe ukuba akunjalo kukhale inqindi, kuba oko baya kuba bengakwazi. Yingqondo ethi imane isophula oko kuthethwayo ize iyihluze kuvele ucwambu lwentetho esuka kwimvaba yolwazi ezinzileyo. Kuphume intetho ethi uthethe kamnandi umfo kaNantsi kungenjalo intombi kaNantsika. Camagu

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.