NguCHRIS TOTOBELA

Emva kwemvula emandla ebangele ukuba kumiswe imidlalo kulempela veki iphelileyo, kuye kwaqhutywa yonke imidlalo yeMakana LFA ebicwangciselwe le esiphuma kuyo impela veki. NgoMgqibelo kuqale imidlalo yabanga phantsi kweminyaka elishumi elinesixhenxe nalapho iFingo itsalele iLakhenathi, logama nayo iCameroon itsalele iLove and Peace. IFuture Stars nayo itsalele iYoung Killers yaze yona iGrahamstown United yabhaxabula iNewtown City ngamanqaku amathandathu kwelinye.

Koompondo zihlanjiwe iJacaranda Aces ibethele kowayo iRiebeck City ngamanqaku amabini eqandeni, yaze yona iCameroon yabhungca kwiNewseekers ngamanqaku amathathu kwamabini. IAttackers ibhaxabule iYoung Killers ngamanqaku amane kwelinye logama iMakana Pillars ibhulele oogqirha nezicaka iNewtown City ngamanqaku amane eqandeni.

Kumdlalo wokugqibela iFuture Stars izibethele iSophia Stars ngamanqaku amane kwamathathu. NgeCawa, amaqela ebekukhangeleka ezakulwela indawo yokuqala, aphinde aqhuba kakuhle eqinisa amathemba awo. IMakana Pillars ibethe iAttackers ngamanqaku amathathu kwelinye logama yona iJacaranda Aces ikhwele izehlela kwiCameroon ngamanqaku amane eqandeni.

Lamaqela omabini awaka bethwa kwaye aphumelele yonke imidlalo yawo esele idlaliwe. Emva kwemidlalo emine, omabini lamaqela abambene enkcochoyini ngamanqaku elishumi elinesibini, kodwa ke ohlulwa nje kancinci linani lamanqaku iqela ngalinye eliwafakileyo. Kuzonikisa umdla kakhulu ukubona ba leliphi iqela elizokwazi ukunyamezela kude kufikwe entanjeni.

Lusanda Mhase of Makana Pillars getting away from the Newtown City players in their Makana LFA encounter. Photo: Sue Maclennan

Comments are closed.