NguCHRIS TOTOBELA

Ibiyimincili yodwa kubalandeli bebhola balapha ekhaya kulempela veki esisuka kuyo, nanjengoko bekuvulwa i-league yeMakana LFA. Iqhubile kakuhle imidlalo nangona bekubonakala mhlophe ukuba amanye amaqela ebengekakulungeli ukuqala kwalemidlalo.

Iqela elidala lalapha ekhaya ebelifudula lidlala kukhuphiswano lwengingqi yeSarah Baartmaan elaziwa nge-SAB League nelithotyelwe ngezantsi kwi-league yalapha ekhaya, liqale kakuhle kakhulu. NgoMgqibelo iAttackers ibhulele oogqirha nezicaka iSophia Stars, ngamanqaku amahlanu kwelinye. NgeCawa iYoung Killers ibethe iLove and Peace ngenqaku elinye eqandeni, logama iMakana Pillars inqunqele egoqweni iCameroon ngamanqaku amahlanu kwelinye. INewseekers izibethele iFuture Stars ngamanqaku amathathu kwamabini, logama iJacaranda Aces ibingahleki nanye ehlekisayo inikele kwiJoza Callies umgalelo wamanqaku amane eqandeni.

Kumdlalo obunzima kakhulu iAttackers ivene amandla neNewtown City. Lomdlalo uqale ngesantya esiphezulu, omabini lamaqela efunza edabini kodwa awakwazanga ukusebenzisa inqwaba yamathuba abawafumeneyo. Ukungxama nokutatazela phambi kweepali nako kube negalelo elikhulu koku. Kuyiwe ekhefini ebambene ngeqanda macala. Kwisiqingatha sesibini, lamaqela aqale apho ebeyeke khona acinezela ngamandla. USompempe obekhangeleka esindwa ngulomdlalo kuye kwanyanzeleka ukuba akhuphele ngaphandle abadlali ababini ngekhadi elibomvu emva kokuba bephuthaphuthene kulo wonxiba umzimba. Le meko ibangele ukuba omabini lamaqela asale nabadlali abalishumi kuphela.

IAttackets iye yophisa kuqala emva komdlalo omhle oqale esazulwini sebala waze wagqityezelwa nguSihle “General” Ntlanjeni ngelihle lona inqaku, elishiye unozinti eme ngxi wava ngabalandeli ukuba ihleli emnatheni lo bhola. Izamile ukubuya iCity icinezela ngamandla kodwa inqaku lika Sisanda Mpande libatheze amandla kwatsho kwaphela nelothenjana ebebenalo lokubuya kuloomdlalo. USompempe uye wawuchitha lomdlalo nje kancinci emva kwelonqaku, yabe kanti iyaphumelela iAttackers ngamanqaku amabini eqandeni.

IAttackers yenze imbali ngethuba idlalisa umfana oneminyaka elishumi elinesithathu kuphela njengonozinti wayo, kodwa ke oku akothusi kakhulu nanjengoko eliqela lingoyiki ukunika ithuba kubadlali abaselula.

Comments are closed.