NguCHRIS TOTOBELA

ICity Pirates eliqela lalapha ekhaya elidlala kukhuphiswano lweSAB kulengingqi yeSarah Baartmaan, iwafumene onke amanqaku amathathu emva kokuba iqela bekumele badlale nalo iFriendly City yaseQorha ingangenanga ebaleni.

Lomdlalo ngumadlalo ebekumele udlalwe ngoMgqibelo okwangumhla ebekubanjwe ngawo imidlalo yokulwa neziyobisi, ebiququzelelwa ngabakwantsasana. Lo mdlalo uye walibaziseka nje ithutyana nanjengoko bekusalindwe ooSompempe abasaphethe umdlalo obukwibala leYunivesithi yaseRhodes.

Ekufikeni kwabo baye babizela amaqela ebaleni kuzokuqala umdlalo kodwa ke ibeliqela lalapha ekhaya elithathe ibala logama elaseQorha lingangenanga ebaleni.

USompempe uye wavuthela impempe yakhe echitha umdlalo emva kwethutyana elingephi. Komnye umdlalo obubanjelwe eRhodes kwangalemini inye, iMaru iyibethelele indawo yayo encochoyini emva kokuba ibambene ngenqaku elinye neUnited Eleven yaseBhatisi.

Amaqela asekhaya akhangeleka ezimisele ngakumbi kulonyaka ezama ukulwela ukuba indebe yeSAB izolala apha eMakhanda okokuqala ezimbalini zalendebe. Akothusi ukubona lenkqubela phambili kulamaqela nanjengoko etyikitye abadlali abaliqela abazimiseleyo nabaselula kakhulu, naba netalente engathethekiyo.

Oko kwenza kubelula kakhulu kubaqeqeshi balamaqela ukwenza umsebenzi wabo, nanjengoko iziphumo zalamaqela zikudandalazisa elubala konke oko.

Comments are closed.